Khawufulele Namangile kaNomfiyoyo!

Kulaa mpelaveki ye16 kwinyanga yoKwindla, amaNgwevu angabantwana kabawomkhulu uSphango, into kaMavela, aye abiza loo lali yaseNcerha, phezu komlambo iTsholomnqa, kumgama omalunga neekhilomitha ezingama40 ukusuka kwisixeko saseMonti, ukuze baze kuzimasa isichenene sokuhlakulela imfukamo ejolise kwiindwendwe ezifikele kuloo mzi wamaNgwevu.

Libekiwe ixesha kwaye kwaqaliswa ngeentetho zenkcaza malunga nomsebenzi lowo.

Kuthe kusenjalo, zangena zimbonzeleka iindwendwe, bangena abahlekazi besuka kuloo koyi bafikele kuyo, babushiya ubusi, bawashiya namakhaphela beze kumamela ezo ntetho zingotywala obo.

Kungekudala zingenile ezo ndwendwe, kuviwe ngezikhalo kubazimasi, kodwa esona siye saqaqamba ngakumbi sesikamafungwashe welo khaya uMasisi, nobesenza intetho yokuvula umsebenzi.

Ezi zikhalo zibangelwe kukusuka iindwendwe ziyeke ukubhuza zidume kweli nqugwala kuvulelwa kulo utywala, suka zingene emntwini zingabhungisanga, zasuzela umntu kwathi saa kusisankxwe zizijwili nezikhalo.

Ikhwaze ngoko nangoko intomb`enkulu uMasisi isithi “yhini na maNgwev`amahle ukuba nenze ngolu hlobo? Andithi sisebenza nina nokhokhokazi wethu ngokutshayelela ngeli gogogo?”

Uthe akutsho, adanduluka amaxhego elo laseNcerha amabini, into kaXakekile noNkwali, akhwaza esithi “thul`ufe ntomb`enkulu. Khawuleza uphume uye apho zikhoyo iindwendwe ezize ngokhokhokazi wamaNgwevu ubike lo msebenzi!”

Ithe isuzelwa injalo zezo nyosi intombi, yathi gqada tsii ukuya kulo koyi zikuyo iindwendwe, yathetha ngomsebenzi lo kungawo kuzo.

Ithethe isezintlungwini injalo kwaye zisayihlelele iindwendwe isithi, “nxesi maNgwevu ngokwenza umsebenzi singanichazelanga. Namhlanje ngesi sichenene sitshayelela imfukamo yeeveki ezizayo yokusetyenzwa kwenu. Nxesi bantu abadala.”

Uthe akutsho umntwana, ngoko nangoko iindwendwe zathi cwaka, kwaphela ukudumzela, zayeka nokusuzela abantu, zangena ngaphakathi ekoyini, zazola ngokungathi akukhange kube sisankxwe.

Ngoko nangoko baqhubile ngomsebenzi kodwa iintlungu zibaphethe mantsantsa.

Imfundiso egqamileyo kwesi siganeko yeyokuba iindwendwe zomzi ziyahlonitshwa, kwaye nantoni na eqhubeka emzini kumele yaziswe ngokusesikweni kuzo, kuba kakade zizo abaninimzi. Liyinene elithi umntu ukholelwa ngokubona.

Othi isiko lamaXhosa alikho, utsho kuba engekaboni. Ngubani onokuyiphikisa into yokuba iinyosi ezindwendwele umzi zikhweletele ukungachazelwa nokungahlonitshwa, zaze zathi zakuhlonitshwa ngokuchazelwa ngokusesikweni, zaxola, zamkela, zakhulula ukuze umsebenzi uqhubeke?

Ngenxa yokuhlonitshwa nokubekwa phambili kwezo ndwendwe, nomsebenzi wemfukamo yazo nobukhokelwa ligqirhakazi umzukulwana wamaCirha akwaJames, intombi kaBhenemani, wahamba kakuhle kakhulu kungakhange kubekho kuphixana nakusuzelwa ziindwendwe.

Ngangendlela obumhle ngayo loo msebenzi kuthe emva kwemfukamo emdaka, avuka amaNgwevu phezu kwaloo misingizane aya kuhlawula ngezipho kumlambo iTsholomnqa.

Ngangempumelelo yaloo msebenzi afike nalapho kwabonakala ngemiqondiso ukuba icamagu livumile.

Athe eseza zabe ezinye zeendwendwe zibakhokele ukusuka ekhaya ukuya kutsho emlanjeni, bakhawulelwa nangabahlekazi amadada omlambo enyusa umsinga ukuza kubo, izipho ezifana neetshefu, amazimba, iinkozo zombona, ezethanga, ezentyabontyi, iimbotyi kunye nerhameti icuba lesiXhosa, zehla zijikeleza zibekwa nje kwinyele yaloo mlambo yintombi kaJames, satsho savuma ngazwi linye sisithi “Camagu”, aphendula amangqina okuhlala esithi, “Chosi.”

Kuthe naxa kufika ithuba lokugqityezelwa komsebenzi ngemfukamo esethontweni phambi komthonyama, abambisana amaNgwevu nabahlali kusakhiwa kukwafulelwa loo ndlu.

Zivele apho iinkuthazo zegqirhakazi kubakhi nabesebebonakala beqotywa yimvula ibisina. Labathiya ngelithi “nyamezelani eli thontsi bantwana bam kuba lixela ithamsanqa.

Kuni bafana, gobani le mithi nalo mthi womdubi ukuze ezi ntombi ziqalise ukufulela. Bathe bakwenza njalo, wabaqhula abafana encoma umsebenzi omhle abawenzayo esithi “nina ningooNamangile bam, wazincoma iintombi ngokufulela kuhle esithi nina booNomfiyoyo bam ndikholiwe nini.”

Kwafulelwa kwagqitywa, kwafukanywa kuhle kwatsho kwabhanga isimnyama kwavela ukhanyo kolo sapho lwamaNgwevu.

Elowo nalowo etshila kuhle entlombeni esithi namhla kwaqal`ukulunga. Yaqukumbela ingoma isithi “Dadobawo sicel`amandla, yathi Thixo wam undishiya ngani na, yathi, Ngubani na lo ugulayo.” Yavungama indlu isithi Camagu ngendima yakho kulo msebenzi mhle kangakanana Namangile kaNomfiyoyo! Inene imfukamo izala ubunye, impilo nokukhanya emzini! Camagu!

Xolani Mavela