Khaya Mthethwa – Mkhulu umsebenzi!

KHAYA Mthethwa

AKANGONYANA womfundisi, owokuqala ontsundu ukuphumelela iIdols SA nelungu leJoyous Celebration nje kuphela, kodwa xa kuthethwa ngoKhaya Mthethwa kuxa kuthethwa ngomqambi weengoma, inkokheli yebandla kwakunye nemvumi.

UKhaya, 31, noyinzalelwane yaseThekwini, lelinye lamagama amakhulu kwiqonga lomculo weli.

Uxelele I’solezwe lesiXhosa kudliwano-ndlebe ukuba akangeniswanga yinkonzo ekhokelwa nguyise emculweni wegospile.

“Emva kokuphumelela kwisikolo samabanga aphezulu ndandisele ndizazi ukuba ndifuna ukucula,” ubalise ngoncumo.

UKhaya waqala wavela njengocula ngasemva kwicwecwe likaMthunzi Namba elithi Mercy, waze kwangoko wacelwa ukuba angene kwiJoyous Celebration ngo2010. Ukwavele nakwicwecwe likaNtokozo Mbambo kancinane nje phambi kokuba angenele iIdols SA.

Uthi njengemvumi azange azibekele uhlobo olunye lomculo.

“Ndakhupha icwecwe lokuqala le-R&B kanye emva kokuphumelela kwiIdols SA. Emva koko ndaze ndakhupha elegospile elithi ‘Uprising’ nelafikelela kwinqanaba lePlatinum,” kubalisa uKhaya.

Ngoku uKhaya ukhupha ingoma ethi Mkhul’ umsebenzi, nayicaphula kwicwecwe lakhe elizayo.

“Le ngoma ndiyenze neOasis Worship Team. Yenzelwe ecaweni, ibhalwe yaze yaveliswa kwandim.”

Uhlebele eli phephandaba ngezinye zeengoma ekulindeleke sizive kwicwecwe lakhe elisendleleni elineengoma ezili12.

“Iingoma ezifana no-Igama Lakho, Atmosphere noOngiholayo ziphakathi kwezinye. Zonke ndizibhale, ndazivelisa ngokwam, ndisebenze nekwayala yasenkonzweni.”

UKhaya, okwanguye noMfundisi, usandul’ ukuzimanya ngeqhina lomtshato nonobuhle uNtandoyenkosi Kunene. Usincokolele ngobomi obutsha bomtshato.

“Sitshate ngoDisemba, sonwabile, sisazama ukufunda elinqanaba sikulo lobomi.”

Uthi abakangxami ngokufumana abantwana. “ Mhlawumbi abantwana singanabo kwiminyaka emibini ezayo, asingxamanga, sisebancinci,” utshilo encumile.

Le mvumi izichaza njengomntu owoyika uThixo nethanda abantu.

Uthi ngethuba engena kwiqonga lomculo eselula ngokweminyaka, wayengenakutsho ukuba angakule ndawo akuyo ngoku.

“ Umntu wayenokuthi kum ndiza kuba yimvumi, umntu wokuqala ontsundu ukuphumelela iIdols, umfundisi, umyeni – ndandingenaze ndimkholelwe.”

Ingoma kaKhaya ethi Mkhulu umsebenzi ifumaneka kumaqonga omnatha okuthenga iingoma. Kungenjalo ungamkhangela kumakhasi wakhe wezonxibelelwano.