Kheth’ omthanda njengofish ecaweni

“Unaye umfazi? Yizokumthatha nanku!” oku kubonakele kwividiyo ebijikeleza kumakhasi onxibelelwano nalapho uMfundisi webandla iShekinah Healing Ministries, uApostle Joshua Musa Mohlala, edibanisa abo bangenamaqabane.

Lo nyawontle, onkonzo yakhe iseKapa, uye ayalele indoda ukuba ikhethe lowo wasetyhini imnqwenelayo ngeenjongo zokumtshata.

Emva kokukhetha oondofanaye babo uye abahlalise phantsi ukuze abacebise ngeendlela zokuhlala emtshatweni.

Kwividiyo ebejikeleza kumakhasi onxibelelwano kutshanje, uMohlala ubonwa ebiza indoda ebizwa njengoBhiza ukuba mayize kukhetha umfazi. “Bhiza, iza uzokukhetha umfazi, ” utsho.

Le vidiyo ithathwe kwiveki ephelileyo ngethuba lenkonzo yaMadaki, apho inxalenye yale nkonzo iye ikekelele kwinkqubo yokufumana iqabane.

Oku kwenziwa kanye okanye kabini ngonyaka, ukususela kule minyaka mibini idlulileyo, ukunceda loo madoda anedyudyu xa kufuneka eqhase amanina.

Ngokutsho kukaApostle Mohlala kweli phephandaba, iinjongo zoku kukubafaka emtshatweni.

“Injongo yale nkqubo kukuqinisekisa ukuba njengebandla asigxili nje kuphela ekushumayeleni nasekuphiliseni emoyeni nasesiqwini nje kuphela, kodwa sakha amakhaya. Sifuna ukuqinisekisa ukuba abantu bahlala apho bakheka khona bekwakhulisa iintsapho,” kutsho uMohlala.

“Sikwazama ukuphepha imeko apho abantwana bakhulela kwiimeko ezingentlanga. Abantwana kufanele bakhulela kumakhaya akhekileyo, apho bakhuliswa ngabazali. Okunye okubalulekileyo koku kukunqanda ubuhenyu. Ngelinye ixesha xa abantu bengenamaqabane baye bafumane ithuba lokuba ngamahenyu, ngoko ke sizama ukunqanda lo mkhwa kuba zezinye zezinto ezonakalisa ilizwe. Xa abantu ababini betshatile kwaye bezimisele omnye komnye ngokwakha ikamva, baye benze izinto ngokuqiqa,” kutsho uApostle Mohlala.

UNosipho Sibani (45) uthi udibene nomyeni wakhe sele ewuncama umtshato.

“UApostle wenza isibhengezo sokuba kuza kubanenkonzo elolu hlobo kwaye amabhinqa angatshatanga kuza kufuneka athenge amadaki. Ndandingenamali kodwa ndanxiba akamama wam. Kulapho ndandibana khona nomyeni wam kwaye ngoku sitshatile,” utsho.

UYonela Mzanywa, naye odibene neqabane lakhe kule nkqubo, uthi nangona engazukungxama ngokutshata, le nkqubo yenza kakuhle ekukhuthazeni umtshato nentlalontle.

“Eneneni yindlela eyiyo yokwenza ubani ajongane neqabane elinye endaweni yokusuka kweli uye kwelinye. Ewe yona ayiqheleki, kodwa yinkqubo elungileyo.”