Khorona: Kuphunyezwe iR50 million yokulungisa izibhedlele 

Urhulumente waseMpuma Koloni uphumeze izigidi ezingamashumi amahlanu eerandi ukulungisa izibhedlele ezintandathu ukuze zikwazi ukumelana nomthamo wabagula yintsholongwane yeKhorona.

Ezi zibhedlele yiGrey eQonce, iNompumelelo eNgqushwa, Isilimela eSajonisi, iSt Elizabeth eLusikisiki, Mthatha General kwakunye neDora Nginza eBhayi.

Ukulungiswa kwezi zibhedlele sele kuqalile, utshilo urhulumente waseMpuma Koloni.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uthi ukuchithwa kwale mali yokulungiswa kwezi zibhedlele kuza kushiya umqela oncomekayo nanjengoko imigangatho yazo ibisele iwohloka.

Kusenjalo, uMabuyane uthi amanani wabo bosuleleke yintsholongwane yeKhorona aseza kunyuka ngenxa yesicwangciso abanaso sokuhlola abantu.

“Sisesenyeleni, umcimbi uza kuba shushu njengoko ziqengqeleka iinyanga. Hlala endlini, ukhusele usapho lwakho,” utshilo uMabuyane.

INkulubaphathiswa ithi abantu abazimasa imingcwabo mababeke ukhuseleko lwabo phambili.

“Enye into ekufuneka iqondiwe kukuba nokuba inani labo bazimase isingcwabo lingakanani, abantu baza kosuleleka yile ntsholongwane yeKhorona xa bengabeki phambili imiqathango yokuzikhusela.

“Nokuba abantu balishumi basenokosulelana xa bengabeki phambili imiqathango yokuzikhusela. Into ebalulekileyo kukuba ubani angayi esingcwabeni xa kungekho mfuneko.

“Masizame ukunqanda ukunwenwa kwale ntsholongwane ngaphandle kokuba side sibekwe iliso ngabezomthetho. Ukhuseleko lwethu lubaluleke kakhulu,” kutsho uMabuyane.

“Hlala endlini uphume kuphela xa kunyanzelekile, ngokuya kuthenga ukutya okanye usiya kwiinkonzo zempilo. Masihlambe izandla rhoqo futhi sizikhwebule kwiindibano zasezidlangalaleni.”