‘Khululani iKumkani’

UMamokete Mogorosi esamkela iinkosana Umfanekiso: Siyabulela Mqikela

Umkomishina wentolongo yaseMonti uMamokete Mogorosi wamkele ngokusemthethweni umqulu wezikhalazo ogqithiswe lulutsha lombutho weNkosi iContralesa. 


Lo mbutho kulo mqulu unyanzelisa ukukhululwa kweKumkani yesizwe sabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo nosele ezakugqiba isithuba sonyaka eseluvalelweni kwintolongo yaseMonti.


Usihlalo wolutsha leContralesa eMpuma Koloni uPrince Ntsindiso Mdunyelwa ebekhokele igqiza leqela lakhe: “Simemelela kurhulumente kunye nesebe lentolongo ukuba bakhulule iKumkani yethu, inikwe isidima esiyifaneleyo nje ngezinye inkokheli.”


Esamkela lo mqulu uMogorosi uthembise ukuba le mbalelwano izakugqithela kwabangasentla.


“Okwam kukwamkela nje imbalelwano le, ndizakuyigqithisela kwabangentla kwam ukuze kuthathwe isigqibo ngoku zakwenzeka,” uthethe watsho uMogorosi. Olu lutsha luthi luceba ukuza kuyibona ngokusemthethweni le kumkani ngomhla wamashumi amathathu ananye kule nyanga.