Khululani izazisi zabantu, uMasualle ucenga ooMatshonisa

INKULUMBUSO yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle ubongoze ooMatshonisa, abantu ababolekisa ngemali, ukuba bakhulule izazisi ziye eluntwini ngeli xesha lovoto.

Kwiphondo laseMpuma Koloni, kuvamile ukubona uMatshonisa omnye egcine inqwaba yezazisi namakhadi eebhanki zabantu ababoleke imali kuye.

“Abantu ababolekisa ngemali, bagcine izazisi zabantu sifuna ukuba thundeza ukuba banike abanikazi izazisi zabo khon’ ukuze bakwazi ukusebenzisa ilungelo labo lokuvota.

“Wonke ubani unelungelo lokuzalwa nobuni, ngoko isazisi somntu sesona siqinisekiso selo lungelo,” kutsho uMasualle.

“Ilungelo lovoto, lilungelo esililweleyo kakhulu sililizwe. Indlela amandla abuyela ngayo eluntwini kukuvota,” utshilo uMasualle.

Ikomishini ezimeleyo yezolonyulo (IEC) eMpuma Koloni ithi ikulungele ukubamba ulonyulo.

Uvoto olukhethekileyo luqalile eMpuma Koloni ngoMvulo (eyeThupha 01) ukuya ngoLwesibini.

“Kweli phondo abavoti abangama-71 111 bazakuthabatha inxaxheba kuvoto olukhethekileyo (special vote). Abangama-46 881 kwaba bavoti bazakutyelelwa kumakhaya abo, logama abangama-24 230 bezakutyelela izikhululo zovoto ngomhla wokuqala nowesibini kweyeThupha phakathi kwentsimbi yesibhozo kusasa ukuya ngentsimbi yesihlanu malanga,” itsho ingxelo ephuma kwa-IEC.

Kusenjalo oomasipala bephondo leMpuma Koloni behlile kumashumi amane anesihlanu (45) ukuya kumashumi amathathu anesithoba (39) kulawulo oluzakuqala kungekudala emva kovoto langoLwesithathu.