Khumbulani inyanga yamaLungelo oLuntu

Khawukhe uzifake kwizihlangu zamadoda nabafazi abathatha inxaxheba kumngcelele womhla we21 kweyoKwindla 1960, befuna kupheliswe imithetho yeePasi.

Ngoko babengenalo nokhuseleko lomgaqo-siseko kunye nomthetho. Izinto esinazo namhlanje. Baqhankqalaza besazi ukuba bazakugagana neembila zithutha kwaye bazakunqandwa ngamandla; kodwa baya phambili!

Nangona kwakuqhankqalazwa kwizwe jikelele ngoko, imbubhiso yaseSharpeville apho kwabulawa abantu angamashumi amathandathu anesithoba (69) kwaze konzakaliswa abantu abangaphaya kwekhulu elinamashumi asibhozo, yaba yeyona inikwa ingqwalasela kwiziganeko zoqhankqalazo zelo xesha.

Yavuselela yamanya umsindo welizwe jikelele. Singalibali ke phofu ukuba kwangolu suku lunye amapolisa abulala abantu ababini aze onzakalisa abantu abangamashumi amabini anesibhozo kwaLanga eKapa; nabo babedibene ngelokuqhankqalazela imithetho yeePasi.

Imbubhiso yaseSharpville yaba sisiganeko esajika izinto kwimbali yeli. Yabhentsisa ubundlobongela bolawulo lorhulumento wocalucalulo, ilizwe lonke lazibonela kwaye nabantu bakuthi bamanyana mpela kumxholo wokulwela inkululeko.

Oku kwanyanzela amazwe aphesheya ukuba atyhale urhulumente wengcinezelo ukuba atshintshe iinkqubo zakhe zengcinezelo.

Lo ngunyaka wesikhumbuzo seminyaka engamashumi amahlanu anesixhenxe womngcelele wonyaka ka-1960 kwaye izakukhunjulwa inyanga le yonke phantsi komxholo othi “Unyaka ka-OR Tambo: Umanyano ekuqhubeleni phambili ngamaLungelo oLuntu”.

Noxa nje umsitho ophambili uzakubanjelwa eGinsberg eQonce, eMpuma Koloni, urhulumente uzakuqhuba nokubamba imisitho ngemisitho yonke inyanga ngenjongo yokufundisa nokukhuthaza ukuhlonitshwa kwamalungelo oluntu.

Isikhumbuzo salo nyaka sisinika ithuba lokujonga igalelo lamagorha namagorhakazi athi athabatha inxaxheba kulo mngcelele wenkululeko nedemokhrasi.

Ubuninzi bethu siyayazi ukuba iinkokeli ezifana noRobert Sobukhwe ezazingoongqondo-ngqondo kule mingcelele ngelo xesha; kodwa sikhethe ukuba mxinwa ngokuqwalasela igalelo lomlisela nomthinjane owabangela ukuba ibeyi mpumelelo le mingcipheko.

Inyanga yamaLungelo oLuntu yinto engaphaya yekhwelo lokuba sihloniphe futhi sikhumbule abo badlala indima kwinkululelo nedemokhrasi yethu, futhi basikhulula kwingcinezelo. Ngeli xesha ke, kufuneka sijonge inkqubela esele siyenzile ukuzinzisa intlonipho yamalungelo oluntu nesidima apho wonke ubani ephetheke ngendlela engenamkhethe futhi elinganayo. Ngaphandle kwamathandabuzo, abo babhubhayo ngalo mhla wembali babesilwela oku futhi bangachulumanca ukubona esele sikwenzile xa bebesaphila namhlanje.

Abo bathi bathabatha inxaxheba kulo mngcelele ngo-1960, kwanabo bangaphambi kwabo, bafumana umdlandla futhi bathi kweloncamathela kuwo. Ngoku icekwa lilele kuthi ukuba siqhube nomsebenzi. Leyo yeyona singathi siyenze ukuhlonipha abo balwayo, into uSobukhwe ayichaza “njengomzabalazo woluntu”.

Iminqweno namaphupha yabo basishiyayo kufuneka siyiphile thina sizukulwane sanamhlanje. Ibe sisikhumbuzo kuthi ukuba umntu ofana nam nawe angaza notshintsho kwizwe lethu. Izwe lethu, ingakumbi kwezi ntsuku, ludinga amadoda nabafazi abazinikeleyo, abazakuphakama bangqalane nemingeni ebeka inkqubela yethu ebungciphekweni. Sikwenze konke oku sisazi ukuba sibulela nabo baqhankqalaza ngaphambi kwethu kwakunye nesizukulwana esilandelayo.

Stella Ndabeni-Abrahams – iLungu lePalamente noSekela-Mphathiswa wesebe lezoNxibelelwano