Khusela: ‘Intliziyo yam izingceba’

“SITHANDWA sentliziyo yam, ngaphandle kwamathandabuzo, le leta eya kuwe yeyona yakhe yanzima kubomi bam bonke. Ilifu elize neendaba zomphanga wakho, likhulu kunene futhi limnyama.”

La ngamazwi kaNkosikazi Khusela Sangoni, isithethi sikaMongameli Cyril Ramaphosa esinqunyanyisiweyo, ngethuba lomngcwabo kaNkosi Madzikane Thandisizwe Diko II eLundzini koMkhulu, KwaBhaca, ngoLwesibini wale veki.

Umngcwabo kaNkosi Madzikane Thandisizwe Diko II, eLundzini koMkhulu, KwaBhaca UMFANEKISO: MANDLA NDUNA/ EC OTP

UDiko ubhubhele kwisibhedlele saseMonti emva kwengulo engephi ngomhla wamashumi amabini ananye kwinyanga ephelileyo (yoMdumba).

Kwileta ayibhalele owakwakhe, uKhusela utyibele ngosiba uthando lwababini ebelubonakala lunzulu, futhi lukhatshwa lulonwabo nentlonipho.

“Ndihleli apha ndingayazi into emandiyithethe kuwe, kuba andizange ndiyicinge ukuba iza kwenzeka into enje, ingakumbi ngequbuliso elinje. Sithandwa wathembisa ukuba akusokuze undishiye. Ngamaxesha onke, ubuzibophelela ngelithi akusokuze undishiye. Kodwa namhlanje ndibhala la mazwi. Intliziyo yam yophukile, yashiyeka izingceba.

“Molo myeni wam. Zulu, Nofisa, Khalimashe, Ndabezitha! Kule minyaka isixhenxe idlulileyo, ubundiphethe okweqanda, kwisizikithi sentliziyo yakho. Ubundenza ungqa phambili,” kubhale uKhusela.

Umngcwabo kaNkosi Madzikane Thandisizwe Diko II, eLundzini koMkhulu, KwaBhaca UMFANEKISO: MANDLA NDUNA/ EC OTP

USihlalo weContralesa uNkosi Mwelo Nonkonyana uthi uDiko ebeyinkokheli yemveli yamaBhaca ezingcayo. “Ebewathanda amasiko akowabo, ewaqaqambisa kananjalo. Siyababulela abazali bakhe ngokusinika le nkokheli yemveli esincedisileyo ukuqhuba idabi lokuqaqambisa nokulwela umzila owashiywa ngookhokho bethu,” kutsho uNonkonyana.

“Kuwe Nkosazana Khusela, sithi yosula ezo nyembezi. Bekuyizolo oku siyinxalenye nomtshato wasebukhosini, esiwuthatha ukuba yayingumtshato wonyaka (2018),” utshilo uNonkonyana.

Umngcwabo kaNkosi Madzikane Thandisizwe Diko II, eLundzini koMkhulu, KwaBhaca UMFANEKISO: MANDLA NDUNA/ EC OTP

UMphathiswa weMfundo esiSiseko, uAngie Motshekga, ubalise ngobudlelwane bexesha elide athe wabenza noDiko.

“Ndime apha , mhlawumbi njengomntu oxhamlileyo kumsebenzi wale Kumkani. Ndiqale ukumazi (uDiko) kwiminyaka edlulileyo. Ndandibhengeza iziphumo, apho iMount Frere (KwaBhaca) yayisesona sithili siqhube kakubi elizweni. Ndaqhula ndathi ‘nanga amaBhaca ehleli emaqandeni abolileyo’. Waqhakamshelana nam (uDiko) esithi ufuna indlela yokulungisa le meko. Oko yaba kukuqala kwentsebenziswano entle kunene.

“Ndeza kwesi sithili, satyelela izikolo ezininzi nalapho saye safumanisa ngeengxaki ezininzi ezifana nokungabikho kwezixhobo ezikolweni, abantwana abazintloko zamakhaya. Ndathi masihlale phantsi ukuze sisuse amaBhaca kula maqanda ndithetha ngawo. Ukusukela ngoko, iMount Frere yaqala ukuqhuba kakuhle kwezemfundo,” utshilo uMotshekga.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uthe: “Ngaphandle kwamathandabuzo, linxeba elinzulu eli kuni, elakuthatha ixesha elide ukuba liphile. Wanga ke uThixo namanyange eli khaya anganomeleza. Siyathemba isizwe samaBhaca ukuba siza kumxhasa unkosikazi wakhe nabantwana ukuze bamelane nale ntsunguzi bazibona bekuyo.”

UDiko ushiya ngasemva umama wakhe uNkosikazi Nosizwe Diko, inkosikazi yakhe iNdlovukazi Pumeza Khusela Diko, abantakwabo (Nkosana Sizwe Diko, nooNkosazana Thozama noYonela Diko) kwakunye nabantwana.