UAthaly Khan webhanki yakwaStandard uthi kunyanzelekile ukuba balumkise uluntu malunga nootsotsi abathe bhazalala bekhangela amaxhoba kwiindawo zokukhupha imali. Uthi uluntu malulumke nangaphezulu kuba aba nqevu batshintsha tshintsha iindlela zokuthatha imali ebantwini.
Uthi aba tsotsi bayakwazi ukumbona umntu onemali bemahlula kulowo usakhangela ukuba nemali.
Ngeli xesha lonyaka uluntu luza kufumana imali yalo ehamba nebhonasi, okanye baza kufumana imali phambi kwexesha eliqhelekileyo.
“Okona kuqheleke kakhulu kukuba aba tsotsi benza umatshini wemali ungasebenzi, oku kwenze ukuba umthengi acinge ukuba umatshini awusebenzi, basoloko bekhona ke ukunceda aba tsotsi, ngelo xesha kanye bafumana ithuba lokuthatha imali yomthengi wethu,” kutsho uKhan.
Uthi bakhona aba banobuchule bokukroba okanye ukuqikelela amanani owafaka ematshinini ngexesha uzama ukukhupha imali yakho.
“Abantu mabahlukane nokunikisa ngeenkcukacha zabo kubantu abangabaziyo, mabakhethe iindawo ezifanelekileyo zokukhupha imali ezidolophini,” utsho uKhan.
Uthi aba nqevu bayakunyanzela ukunceda umntu ematshinini, ngenxa yoko batsho bafumane ithuba lokutshintsha amakhadi logama bekwazile ukuthatha inombolo yomntu efihlakeleyo.
“Uncedo labantu bethu lusoloko lufumaneka ngaphakathi ebhankini, okanye zikhona iinombolo ezibhalwe koomatshini okanye apha emakhadini wabo, luncedo olusimahla olo,” kutsho uKhan.
Ukuqhushumba koomatshini bemali yenye yezinto eziphambili kweli loMzantsi Afrika ngenxa yootsotsi abangxamele ukuba zizityebi zexeshana.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!