Khwela inqwelo-moya ngeR799 kuphela

KULINDELEKE ukuba kufunquke uqoqosho kummandla waseMthatha neendawo ezingqongileyo emva kwesibhengezo senqwelo-moya entsha ezakuhamba kumzila ophakathi koMthatha neRhawuti.

Inkampani yezophapho iFly Blu Crane izakusebenzisa lo mzila ngomhla wokuqala kweyeDwarha kwaye izakuxabisa iR799 kuphela.

Ezi ndaba zidizwe ngumphathiswa wesebe lezothutho kwakunye nokhuseleko ephondweni uWeziwe Tikana izolo.

UMphathiswa wezothutho eMpuma Koloni uWeziwe Tikana uthe, oku kuzathi kudale amathuba engqesho kubantu abangamashumi amabini anesine (24) bengingqi yase-O.R.Tambo.

Iindaba zokufika kwale nqwelo-moya zikwangqinwe nasisithethi sikaTikana uNcedo Kumbaca.

IFly Blue Crane izakuba yinqwelo-moya yesibini eMthatha Airport nanjengoko umzila ophakathi koMthatha neRhawuti ubusetyenziswa yiSA Airlink.

abongile.ginya@inl.co.za