Komphela: Impumelelo ikhulisa ukuzithemba ebadlalini

USteve Komphela uthi iKaizer Chiefs liphumeelele – kodwa lo nto abayifakanga kakhulu entloko. IChiefs iphumelele umdlalo wayo wokuqala kule sizini izolo emva kokubatha iHighlands Parks ngo’1-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League eMakhulong Stadium.

Igowuli leGlamour-boys lifakwe nguGeorge Lebese ngepenela ngomzuzu wamashumi amathandathu anesihlanu.

Impumelelo ithathe Amakhosi yawabeka kwindawo yesithandathu emva kwemidlalo emithathu.

“Impumelelo esiyifumene eHighlands Park izolo ibalulekile ngoba izakuthi ifunqule ukuzithemba kwabadlali. Ngoku into efunekayo kukuphucula indlela esidlala ngayo. Siphumelele kodwa asizigwagwisi ngalo nto – siyayazi indawo esifuna ukuya kuyo,” utshilo uKomphela kwikhasi lomnatha leChiefs namhlanje.

Emva kwexesha elide abalandeli begqushalaza ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo, bade bancuma nabo izolo.

“Abalandeli bethu bancumile. Umdlalo wethu awukafiki kwindawo esifuna ubekuyo, asonelisekanga – kodwa okubalulekileyo kukuba iziphumo ezihle ziyakwazi ukuza notshintsho. Sizakude siyibambe indlela esina idlale ngayo iChiefs. Ndinebhongo emva komsebenzi owenziwe ngabadlali izolo. Bonke badlale ngokuzimisela – isinika ithemba ke lo nto,” utshilo uKomphela.

Amakhosi amkela elinye lamaqela alushica, iMaritzburg United, kumdlalo ozakube useFNB Stadium ungoMgqibelo ngentsimbi yesithandathu emalanga.