Konakele phi mzontsundu?

Ulawulo lusezandleni zethu, kodwa!!! Indlala, ukulahlekelwa yimisebenzi, zizinto zemihla ngemihla.

Ukungakhathalelwa kwamashishini amancinci athi umntu ontsundu aziphilise ngawo, yenza ukuba aphele esiwa, kuba abantu kwakunye neenkokeli ezintsundu aziwathathi njengento ebalulekileyo. Yiyo lo nto abamhlophe nabasuka kwamanye amzwe afana nooNigeria, Somalia, njalo-njalo bafika bagqwese kwezoshishino kweli lizwe, kuba le nto ikubo basuka nayo kwiinkokeli zamazwe abaphuma kuwo.

Ezethu iinkokeli zifuna nje ukuvotelwa qha, emva koko azifun’ ukuphulukana nezihlalo zazo. Umzekelo, kuzakuphela ixesha likaZuma, kodwa sekufunwa ukufakwa komnye uZuma endaweni yakhe. Yinto owawuke wayibona phi leyo! Kubekwa amaxhego phambili, kodwa zikhona izifundiswa apha kweli.

Le nto yokukhokeliswa kwamaxhego ilibuyisela umva elilizwe kuba wona ajonge iimfuno zawo nezemizi yawo. Ulutsha liyakulinikwa nini ithuba lokusebenzisa imfundo yalo?

UMzantsi Afrika ayilozwe losapho okanye abahlobo. Ubawo uRamaphosa ebekulo rhulumente ukhalazelwa ngabantu kodwa ufuna ukuchongwa njengomongameli welizwe liphela.

Liyaphela ilizwe sijongile mz’ ontsundu, libulawa ngabantu abanye. Thina bantu bantsundu senziwa amavolontiya kuphela, usebenze mahala iminyaka, kuphele isihlangu, kodwa kuqeshwe abantu abangakhange babengamavolontiya xa sekuqeshwa, kuthiwe kuwe iminyaka yakho ihambile, awusenakuqeshwa.

Naxa kufaneleke ukuba urhulumente axhase ishishini lakho unikwa imiqathango emininzi, ekunzima ukuyiphumeza kuba ifuna imali enzinzi, njengemfundo ephakamileyo efuna imali eninzi.

Uninzi lwethu, thina bantu bamnyama asinayo le nto ifunwayo kwaye lo nto yenza ukuba singaze silingane nabamhlophe. Urhulumente makeze ebantwini, kuba wayesenza njalo urhulumente wabamhlophe kubantu bakhe.

Urhulumenyte makaxhase amashishini wabantu abantsundu, abancedise ukuze nabo bakhululeke, bazenzele isonka sabo semihla ngemihla, kuba akasoze asiqeshe sonke.

Ushishino lubaluleke kakhulu, lingayiphelisa into yokusoloko sikhongozwa, esenza sijongelwe phantsi ngabantu abasuka kwamanye amazwe. Phambili ma-Afrika, phambili!

Ezi zizimvo zikaNceba Nyosana usibhalela eseTulbagh, eNtshona Koloni.