Konakele phi na?

Ndilala ndiphaphama, Ndithatha ndibeka, Ndibhula ndisela,Lindiyile , ndibhidekile.

Yazi kwakhala nyonini na?

Mzi kaPhalo masizikise ukucinga; Le ifuna izazi, ziphicothe zikhangele ukuba bekutheni ze sibelapha, konakele phi na ?

Besifudula silala iminyango ivuliwe, Bekunyukwa kusehliwa ngamathinzi.

Kubholorhwa kutshotshwa. Abantwana betshila ngeenkciyo phaya, Besithi “nkcenkce mlanjana”

Izibothobothwana zidlal’iindolotyi, Ziphatha kugibisela iintaka ngezagweba. Ezantsi emlanjeni nazo iintwazana zikhuphisana ngeenkwali zazo, Ii-emele zibekwe pha ecaleni.

Nango amakhwenkwe ecima amasele, Amanye esoja iimpuku zehlathi ngaphaya.

Emva ekhaya umhambi odlula ngendlela uyabizwa akhe afumane amarhewu, Kuxhwithwe nomqhagana sitsho sivungule nathi.

Kungoku nje umkhombe ubhembesile. Iliwa libhek’ umoya. Abantwana bethu ngamaxhoba eziyobisi beqhwatyelwa izandla ngabo bangenanjongo zintle kakade

Abantwana boyika nokudlala phandle. Boyika ukuxhwilwa bathengiswe emazweni. Boyika ukudlwengulwa ngabo baziwayo ngaphakathi nangaphandle kwekhaya. Bangasindi neziphakathi zabo

Amanina nawo awasindanga alala egaqile alindele ukuba lihlome. Angamaxhoba okuphathwa gadalala,

Baye kwantsonganyawana bengalindelanga. Umenzi welo sikizi iliqabane lakhe,

Bayanukunezwa babe zizinto ezingento phantsi kothando, kuba kaloku aluboni. Banganeli nje ukuwuthatha lo mphefumlo, Baqinisekise nokuba akukho nesuntswana lakho, kushiyeke nje uthuthu olusisikhumbuzo.

Inene lindiyile xa kunje!

Akukho kuthemba kwamthanjiswa, Akukho kuthemba kwa ozalana ngegazi. Akukho kuhlonitshwa kwamalungelo, Linye isandla sentsimbi kwabaphetheyo.