UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe umemelela uluntu lwaseNgcobo nephondo ukuba luqinisekise ukuba umhlaba uyasetyenziswa ukuvelisa ukutya.
UKontsiwe uthethe oku ngethuba ebethetha eGoboti eNgcobo kuMasipala waseAB Xuma. Lo Mphathiswa ebephaya esiya kunikisa ngezixhobo zokusebenza kumafama asakhulayo eNgcobo.
“Injongo yoku kukusabela umkhwazo wengxelo ekhutshwe yiKomishini yamaLungelo oLuntu, ethi iMpuma Koloni liphondo elinendlala eninzi kakhulu,” kucacisa uKontsiwe.
Ela Sebe liyaqhubeka ukunikisa ngezixhobo zokulima nokufuya kumafama asemaphandleni weMpuma Koloni.
“Makusetyenziswe umhlaba ohleli nje ungasebenzi ingakumbi ezilalini, makulinywe iigadi kuveliswe ukutya ukuze kuliwe indlala emakhaya,’’ utsho uKontsiwe.
Lo nguMphathiswa omtsha kwela Sebe engena endaweni yabaphathiswa ebebesenza umsebenzi omhle ukukhulisa amafama.
“Ngaphandle kokuba amafama ezakukwazi ukuzondla ngeemveliso zawo, kwelinye icala azakutsho athengisele amashishini amancinci nezinye iindawo ezidinga iimveliso zolimo,” ukhuthaze watsho uKontsiwe.
UKontsiwe ujikeleze kwingingqi yaseNgcobo kwezi ntsuku enikisa ngoncedo ekwathetha namafama ngokunjalo.
Abantu beMpuma Koloni kuthiwa bavotele iANC ngobuninzi kunamanye amaphondo. Eli phondo linomhlaba omninzi kakhulu ongasebenziyo onokusetyenziswa ukuvelisa ukutya logama kwelinye icala kunokuba kufuywa.
Ngaphambili uRhulumente weANC umisele ooKopolotyeni basekuhlaleni ekhuthaza amafama kwakunye namashishini amancinci ukuba kuqhutyekwe nenkqubo yokuvelisa ukutya.
‘’Sinikise ngoogandaganda nezixhobo zokulima kumafama aseGoboti ngeenjongo zokuba akwazi ukuqhubela phambili iinkqubo zabo zolimo,” kutsho uKontsiwe.
Kwiveki ephelileyo, uKontsiwe unikise ngoncedo kumafama oMasipala waseMhlontlo ebefelwe ziigusha ebezitshiswe ngumlilo.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike