Konzakele abantu kusiliwa ngeedonki

Konzakele abantu babahlanu, kweso sihlanu ingabemi baseZimbabwe kwakunye nabaseBotswana emva komlo obuphakathi kwabo ngenxa yemfuyo.

Iingxelo zithi, amadoda aseBotswana awelele kumlambo waseZimbabwe eyokulanda iidonki ezilishumi elinesihlanu ekukholeleka ukuba zibiwe ngabaseZimbabwe ngentseni yangoLwesine kwiveki ephelileyo.

Ngokwengxelo, oku kwenzeke kwibhoda iOliphants-Gobajango kwilali yakuShashe, apho ishiye uluntu oluninzi lunamanxeba ngethuba bekunqandelwa abemi baseBotswana, aba bagoduke beziqhuba bemanxebanxeba benjalo iidonki kuquka nabo bebenzakele ngokumasikizi kubo.