Konzakele inqwaba yabantwana kwingozi yeKhombi

Iinqwelo zabahlanguli namagosa ezendlela eTholeni. Umfanekiso: Bheki Radebe?ANA

Konzakele
abantwana abangamashumi amabini ananye (21) emva kokuba iKhombi abe beyikhwel intlitheke
emthini kwindlela ekuthiwa yiRamadas kwidolophi yaseSiphingo kwiphondo
laKwaZulu-Natal ekuseni namhlanje.

Ngokwengxelo
ekhutshwe yi-IOL News, isithethi sakwa-ER24, uRussel Meiring, sithi amagosa
wohlangulo kunye nezinye izicaka zifike kwindawo yesehlo ngentsimbi yesixhenxhe
ekuseni zibone ikhombi ngaphesheya kwendlela intlitheke emthini. “Unintsi
lwabantwana lufumaneke luhleli ecaleni kwendlela abanye bengaphakathi kwikhombi,”
utshilo uRussel owongeze ngelithi amagosa wohlangulo abahlolile abantwana abayi-21
ekukholeleka ukuba baphakathi kweminyaka elithoba (9) neshumi elinambini (12) bonzakale
kancinci.

Abantwana
banyangiwe bathuthelwa kwizibhedlele ezifukutshane ngamagosa wempilo ukuze bafumane
unyango olugqithisileyo. Umqhumbi weKhombi akonzakalanga nophando lwengozi
luyaqhuba.