Kruger: NdiliMpondo

UKakade Bhokolosha ekunye nomhlobo wakhe uJohn Kruger umfanekiso: Bheki Radebe

UJohn Kruger yinzalelwane yeelali zaseMbotyi eLusikisiki. Uthi akakuthandabuzi ukuba uliMpondo ngokufanayo namanye amaMpondo nangona engumntu webala.

Le ndoda ephila ngokuloba iintlanzi ukuze yondle usapho lwayo ithi ungumntwana womgquba emaMpondweni. “Andimazi utata ukuba wafika nini apha, kodwa wayengumntu omhlophe, umama yena engumntu omnyama, ndizalelwe ndakhuliswa ngamasiko esiMpondo kwaye ndiyazingca ngalo nto,” kutsho uKruger.

Lo mlobi wondla usapho lwakhe ngokuloba iindidi zeentlanzi eziquka iShed neBrim ezifumaneka kunxweme lwaseMbotyi.

“Kuba andiphangeli, andifundanga, ngoku ayikho enye indlela yokuphila ngaphandle kokuloba. Ebusika ndiloba iintlanzi ekuthiwa yiShed, ehlotyeni ndifumana imali ngokuloba intlanzi ekuthwa yiBrim, ndondla abantwana, ndibathengele iimfuno zabo zesikolo ngaphandle kwengxaki,” utsho uKruger.

Indawo yaseMbotyi yenye yezinqabileyo ezinomtsalane ngokuncedwa nalulwandle elikufutshane kule ndawo.

“Mfondini ndalukile nam njengamanye amaMpondo! Ngubani ke onokuthandabuza ukuba ndiliMpondo? Ndithetha ulwimi lwesiMpondo njengabanye abantu,” kutsho uKruger.

Imbali yesizwe samaMpondo ithi uninzi lwabantu bebala abafumaneka emaMpondweni bayimveliso yenkosikazi emhlophe yaseJamani eyafunyanwa ngamabutho kaKumkani uNgqungqushe aza ayisa komkhulu, wayizeka uKumkani.

Ngenxa yesikolo sakhe esincinci uKruger akawazi unyaka awazalwa ngawo.

“Endikwaziyo kukuba ndineminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu, ngale ntlanzi ndondla nabantwana bam bangaphandle, kuba oonina abaphangeli,” itsho le ndoda.

Ngosuku ngalunye uKruger ufumana iintlanzi eziqala kwishumi ukuya kumashumi amabini, ezithengisa ngeshumi leeponti ngokushiyana kobukhulu bazo.

Umhlobo wakhe uKakade Bhokolosha uthi akayazi kwaye akayamkeli ukuba banebala elingafaniyo nalo kaKruger.

“Senza yonke into kunye yonke imihla, sikhule kunye sazana kakhulu, asinalo ixesha lokujongana ngokwebala,” kutsho uBhokoloshe.

Ethetha nenginginya yabatyalizimali, uMphathiswa weSebe lokuPhuhliswa kwamaPhandle noLimo kweli phondo, uNomakhosazana Meth, umemelele ukubambana ngezandla kubantu besi sizwe kwezoshishino ukuze kukhule uqoqosho.

“Isicelo sam sinye kurhulumente, ndinqwenela ukukhulisa eli shishini, ndicela izinto zokuloba eziquka iincwadi ezisemthethweni zokuloba ukuze sikhule nathi,” kutsho uKruger.

UGqirha uSomadoda Fikeni ungenelele kwiinzame zokukhuthaza uluntu ukuba lulime, lufuye lusebenzise amathuba avelayo. “Singathi sithakathiwe indlela esingakwazi ngayo ukusebenzisa ezi zinto zikhoyo phambi kwethu, sisoloko sifuna izinto ezingekhoyo,” kutsho uFikeni.

Inkomfa enokukhuliswa koqoqosho ebanjelwe eMagwa ivalwe ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga.