Kubaluleke ngantoni ukuphisa ngamalungu omzimba?

Sincokola noMfundis’ uXolisile Kondlo malunga nokubaluleka kokuphisa ngamalungu athile omzimba. UKondlo, 37, nguMfundisi wenkonzo yamaRoma, naye usesemlindweni womphunga, aze akwazi ukubuyela kwisimo sakhe kwakhona.

Masifunde ngokubaluleka kokunikezela ngamalungu omzimba. Yonwabela le ncoko ukuze ubenolwazi olubanzi.

Xa ufuna ukunikezela ngelungu wenza njani?

Mhla ndaxelelwa ngugqirha ukuba kufuneka ndenze utyando lwephaphu…. Ndemka ndafika endlini ndavula ikhompyutha yam, ndajonga i-lung transplant. Ethubeni, ndaye ndahlangana nombutho ekuthiwa yi-Organ Donor Foundation.

Yiyo ke ekubhaliswa kuyo, xa ubani efuna ukunikezela ngelungu okanye xa athe wasandulela. Yona ke ifumaneka kwa www.odf.org.za okanye ubatsalele umnxeba ongahlawulelwayo kule nombolo: 0800 22 66 11. Lo mhlangano ngowokuvundlisa uluntu. Awunanto yakwenza nakuthengiswa kwamalungu.

Ugqirha wakho uzakucebisa xa udinga amalungu, aze akuqhagamshelanise necandelo elikufutshane nawe, nelifumaneka eKapa, eThekwini okanye eRhawutini ixesha elininzi.

Abantu kufanele babuze imibuzo koogqirha babo.

Ingaba kukho imali ekufuneka uyihlawule ukuze unikezele ngamalungu athile omzimba?

Akukho mali ihlawulwayo xa uthe wena wanikeza ngelungu lakho. Unikezela ngelungu okanye ngamalungu ngeendlela ezimbini. Okokuqala uqhaqho-nikezelo kulowo uphilayo. Umzekelo, intso okanye isibindi, uyakwazi ukuzinikezela ngazo xa usaphila.

Kuxhomekeke ukuba ungqamene na ngokwegazi, zona ungakwazi ukunikezela ngazo. Zixhaphakile ke zona, phakathi kwabo bazalanayo, ngokuba udidi lwegazi neenyama ezithile zomzimba ziyafana. Okwesibini, ungabhalisa uba wena ufuna ukunikeza ngamalungu akho omzimba xa uthe wabhubha. Umntu ngamnye anganikeza ngamalungu asixhenxe. Ngoko ke, umntu ngamnye obhalisileyo, uyakwazi ngethuba lokubhubha kwakhe, ancede abantu abasixhenxe: (heart, liver, pancreas, lungs, kidneys….7 people saved by one person) !!

Ingaba ndiluqondisa njani usapho lwam ngoku?

Yinto enokuncokolwa xa kuhleliwe lusapho, mhlawumbi nizityela ukutya ngesidlo sasebusuku okanye niziphumele, ezikolweni, emisebenzini, apho sizixelenga khona imizimba yethu.

Ingaba kuneminyaka ethile evumelekileyo ukuze unikeze ngamalungu omzimba?

Akukho minyaka iqingqiweyo, kuba bakhona nabantwana abancinci abenza utyando bafumane amalungu. Kodwa xa uzokunikezela ngelungu, noko kufuneka ube neminyaka eli-16 nangaphezulu.

Ndiyakwazi ukuthengisa amalungu womzimba athile?

Akukho mali inikezelwayo kwaye awufumani mali xa uthe wanikeza ngelungu okanye ngamalungu omzimba. Sisipho senceba esi..!! 6.

Kukhona ukubethana-bethana kwesi senzo sesisa nenkolo?

Zikhona iinkonzo kunye namahlelo athile, apho angavumiyo ukunikezwa ngegazi okanye uqhaqho ukuze kufakelwe ilungu lomzimba. Andizozibiza…..

Ngawaphi amalungu endinokuphisa nawo?

Intliziyo, Udakada, Isibindi, Izintso, Imiphunga

Ngubani onokuphisa ngamalungu?

Wonke ubani anganikeza ngamalungu akhe. Siqaphele ukuba kukho nesi sigulo sigqugqisayo. Ukuba umntu uyazazi unesifiso sikagawulayo, makangabhalisi. Onke amalungu omzimba phambi kotyando ayavavanywa kuzo zonke izifo ezosulelekayo.

Ndingamnika umhlobo okanye lowo usenyongweni osesemlindweni welungu?

Nanjengoko senditshilo, intso okanye isibindi, ukuba niyangqamana ungenza njalo.

Ingaba lowo unikwayo kufuneka engqamene nam ngokodidi oluthile, okanye kuqalwa kukhangelwe?

Nantsi iHarvest Team, ekhangela amalungu, xa bekhangela amalungu, rhoqo xa befumana umnxeba esibhedlele okanye kugqirha wokokuba, kukho isigulane esikwikoma kwaye akabuyi, mhlawumbi izalamane zakhe zizakucima iimatshini, babe benikiwe imvume yokuthabatha amalungu akhe lusapho.

Kutheni bebaninzi kangaka kuluhlu lwabalinde amalungu?

Bamalunga nama-5400 abasemlindweni wokufumana amalungu. Kwilizwe lonke loMzantsi Afrika, bubuncinane bama-90 000 abantu ababhaliswe njengabanikezela ngamalungu (organ donors), ungalibali ukuba sikwizigidi ezingama-(52 Million) yabantu eMzantsi Afrika. !!

Abantu ababhalisi. Zinzinzi izizathu zoku ke. Isizathu sokuqala, abantu abazi nto ngesidingo sokunikela ngamalungu, de oku kubeyimfuneko kubo okanye kwizalamane zabo okanye izihlobo. Awekho amaphulo karhulumente, kwaye izibhedlele zethu azikulungelanga ukuqhuba utyando-nikezelo lwamalungu.

Ingaba ukuphisa ngamalungu kunenguqu okuyenzayo emzimbeni wam?

Ndina-37 yeminyaka ubudala, kwaye sele ndithabathe umhlala-phantsi ngenxa yesimo sam. Ukuba ndingafumana umphunga, kwiinyanga nje ezine,ndingabuyela emsebenzini. Ukunikezela ngelungu okanye ngamalungu omzimba, unceda abanye abantu babe nethuba lesibini lokuphila, baphile ubomi babo ngokupheleleyo. Mna ndiphila ngomoya (oxygen), yonke imihla, ngalo lonke ixesha.

Ndilala ngayo, ndivuka ngayo, ndivasa ngayo, nditya ngayo. Andisakwazi kuphuma apha endlwini, kuba ndihleli kulo mtshini womoya, ngalo lonke ixesha.