Kubanjwe ababini ngokubulala umnini venkile kuQumbu

Umpu wohlobo lweAK-47 owafunyanwa ngamapolisa ngethuba ebamba abarhanelwa ababini. Umfanekiso: SAPS

Kubanjwe abarhanelwa ababini abaneminyaka eli19 nama24 ngokubandakanyeka kwityala lokubulala umnini venkile (55) waseDebeza kuQumbu.

Oku kubanjwa kuza emva kweenzame zabecuphi bakuQumbu kunye namapolisa ecandelo lobusela bemfuyo, kulandela ukudutyulwa komnini venkile phakathi koMgqibelo, umhla wama21 kweyoMnga 2024 nangeCawe, umhla wama22 kweyoMnga 2024.

Abahlali baye babethelwa ngethuba le venkile ingakhange ivulwe imini yonke, kuphando lwabo, bafumane le ndoda idunduluzile kwichibi legazi ngaphakathi evenkileni, sitshilo isithethi samapolisa eMpuma Koloni uKapteni Welile Matyolo.

UMatyolo uthi amapolisa abiziwe kwaye afumana iikhatriji zeAK-47 ezingenanto ecaleni komzimba wale ndoda.

“Umpu wohlobo lweAK-47 ongenazimbumbulu ekucingelwa ukuba sisixhobo esisetyenziswe kwesi siganeko sokubulala safunyanwa ngamapolisa ngethuba kubanjwa abarhanelwa kwaye lo mpu uza kuthunyelwa kuvavanyo lwemipu ukujonga ukuba ngaba unxulumene nesi siganeko kunye nolunye ulwaphulomthetho olwenziweyo,” utshilo uMatyolo.

Unobangela wokubulawa ngokungenalusini komnini venkile uyinxalenye yophando oluqhubayo.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uncome abecuphi ngokuzinikela kwabo ekuzameni ukukhawulezisa ukusombulula ityala lokubulala kwanokubuyisela umpu ekunokwenzeka usetyenziswe kwezinye iziganeko zolwaphulomthetho.

Esi sibini siza kuvela kwinkundla kamantyi yakuQumbu ngetyala lokubulala namhlanje, umhla wama27 kweyoMnga 2024.