Kubanjwe abahlali emva kokuxina amasela emfuyo kuTsolo

KUBANJWE iqela labahlali baseSomerville kuTsolo emva kokuxina amasela ekukholelwa ukuba kudala egqugqisa esiba imfuyo kule ndawo.

I’solezwe lesiXhosa libone umboniso bhanyabhanya onemizuzu emine nesiqingatha oveza umfana oneminyaka elishumi elinesithoba, waseMahlubini kuTsolo, exinwa ngemibuzo ngabahlali befuna achaze ingcombolo ngomkhambathi wabo wokuba imfuyo.

“Apha eMahlubini usebenzela bani?” Lo ngumbuzo obuzwa ngumhlali. Ukuphendula, lo mfana uthi usebenzela umntu ochazwe njengoFaku esithi bayathunywa bayokuba imfuyo emva koko bazithengise emaplazini. Kukho amarhe okuba lo Faku “ukwazenza inkosi” phaya eSomerville.

Iqela labahlali baseSomerville liye labanjwa emva kokubamba umfana lo ethe emva kokuxinxwa ngemibuzo wachaza nabanye abantu ekudala esiba nabo imfuyo kwiilali ezingqonge iSomerville.

UNkosi Zwelethu Tyali, inkosi kwinqila yamaMpondomise aseNtshonalanga, uthi iyabothusa le nto ingakumbi xa idibanisa igama lobukhosi.

“Into endikhwankqisayo kukuba le nkwenkwe ibibanjwe ngabahlali ikhombe ukuba basebenzela lo mntu kuthiwa uyinkosi. Lo mntu kuthiwa yinkosi asimazi thina enqileni futhi akaziwa nangurhulumente. Iyasidanisa ke lo nto kuba ibeka igama elibi kubukhosi.

“Sikwaxhalabile nangokubiwa kwemfuyo, kuba imfuyo yeyona nto ibalulekileyo kuthi bantu basezilalini,” utshilo uTyali.

Bekungacaci ukuba bangaphi abantu ababanjiweyo noxanje bebevele kwinkundla yakuTsolo izolo (ngoLwesithathu wale veki). Iinzame zokuqhakamshelana nalo Faku ziphanzile.

Kwinyanga ephelileyo, inyanga yeNkanga, uMphathiswa woPhuhliso lwamaPhandle kwanezoLimo eMpuma Koloni uXolile Nqatha ebetyelele eMdeni kuQumbu ukuya kuphehlelela ukusetyenziswa kwesixhobo (iTracker) yokulwa nomkhwa wokubiwa kwemfuyo kwimimandla yasezilalini.