Kubanjwe abahlali kuqhankqalazo lwaseMatatiele

Amapolisa aseMatatiele abambe abahlali abalishumi elinesibini kulandela uqhankqalazo olundlongo-ndlongo olumayela nezikhalazo malunga nomba weendlela.

Abahlali baseMatatiele bebekhe babamba uqhankqalazo kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo, beqhankqalazela iinkonzo ezicothayo zikarhulumente emva kokunikwa iintsuku ezisixhenxe ngurhulumente wephondo kwiveki ezimbini ezidlulileyo ekubeni zizakuhoywa izikhalo zabo.

Oku kulandela emva kokuba abahlali beelali ezingqonge idolophu yaseMatatiele bathi bavingca ivenkile zonke zedolophu bekwavale ngomlilo indlela ekubeni iimoto zingahambi kuba befuna kusatyelwe izikhalo zabo ngurhulumente zokuba mabakhelwe iindlela ezisemgangathweni.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Raphael Motloung ithi, baqale phantsi kwakhona kwaye kubi, bandlongo-ndlongo abahlali.

Usodolophu wala masipala uMomelezi Mbedla ebethembisile kubahlali kwityeli elidlulileyo ekubeni urhulumente wephondo uzakuqalisa zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe ukwakha iindlela neyenye yezinto eziphambili ekhalelwa ngabahlali, kodwa oko akwenzekanga.

UMotloung, uthi ngoLwesithathu babambe abahlali abalishumi elinesibini ebebetshisa amatayala endleleni nekulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla yamatyala kula dolophu.

Isithethi somasipala * -Olwethu Gwanya akaphendulanga kumnxeba weSolezwe.