Kubanjwe abangapha kwe600 eNyanga

EKAPA: IPHULO lokuphelisa ubundlobongela lukhokelele ekubanjweni kwezaphuli-mthetho ezingama-328 nezingama-266 emva kokuba amapolisa egqogqe izindlu ezingama-70 ezirhanelwa ngokuthengisa iziyobisi eNyanga ngeCawe.

Isithethi samapolisa eNtshona Koloni, uFrederick van Wyk, uthe: “Eli phulo belikhokelwe ngoongqondo-ngqondo. Amapolisa ebevale, emisa abantu kwiindawo ezixineneyo ngeenjongo zokuphelisa ubundlobongela. Kugqogqwe izindlu eziyi 70 kwabanjwa abantu abayi 266 abafunyenwe ne 121 grams yeheroin, 360 grams yetik, imandrax ezingama-408 ne 1089.019 KG yentsangu,” utshilo.

Unobhala wamapolisa okuhlala (CPF) eNyanga, uDumisani Qwabe, uthi la ngamaqalela okwehla kwezinga lobundlobongela kule ngingqi.

Uthi into ekhokelele ekubanjweni kwabantu abangaka kukuba abahlali bayeza nolwazi emapoliseni ngoku.

“Ezi ziziphumo zentlanganiso esizibamba nabahlali apho sibakhuthaza khona ukuba mabaxele izaphuli-mthetho. Kwaye siyabaqinisekisa ukuba ohlebele amapolisa uzakukhuselwa. Yiyo lo nto bayeka ukoyika ukuxela iindlobongela ngoku,” utshilo.

UVan Wyk uthi abantu ababini babanjwe nemipu engekho semthethweni nezixhobo, kwaye zizayokuhlolwa (ballistics testing).

Uthe amapolisa oxuthe iilitha zobutywala eziyi 5082.61 kwabanjwa abantu abayi-16 ngokwephula imithetho yokuthengisa ubutywala emva kokugqogqwa kwezimokolo eziyi 42.

“Eli phulo libenegalelo elikhulu nanjengoko ubutywala bunegalelo ekuxhatshazweni koomama nabantwana. Singamapolisa sizibophelele ukuqinisekisa ukuba amalungu awaphatha ngobunono amatyala alolu hlobo ngeli xesha le-16 Days of Activism of no Violence against Women and Children,” utshilo.

UVan Wyk ukwathe amatyala ayi 57 okuxhatshazwa koomama nabantwana achaziwe kweli phulo, kwabanjwa abantu abayi 33.

Umphathi wamapolisa eNyanga, uSizakele Dyantyi, uvakalise umbulelo ongazenzisiyo kubahlali abaye banegalelo ekufezekiseni eli phulo.

“Masisebenzisane ngezi ntsuku zichasene nokuxhatshazwa koomama nabantwana.”

UQwabe uthe uyavuya xa abahlali bade bayamkela into yokuba ubutywala bunegalelo kwizinga lobundlobongela, iindawo ezingavaliyo nezo zingayilandeliyo imiqathango.