Sukela kuqale iphulo likagqogqa elibizwa ngokuba ngu-Operation Lockdown kwinyanga yoKwindla kwimimandla edume ngokuba namaqela oonqevu iBethelsdorp kwakunye neGelvandale eBhayi ukuzokuthi ga ngomhla wokuqala kule nyanga sikuyo, ube yimpumelelo umsebenzi wamapolisa njengoko bekubanjwa umntu abemnye ukuya kwababini ngosuku, kwabo phula umthetho, nto leyo yenze inani elipheleleyo lokubanjwa kwezaphuli mthetho kuquka neqela loonqevu lime ku161 kula mmandla.
Ezinye zezinto ezithe zafumaneka ngethuba lika gqogqa yimipu engekho semthethweni, abashishina ngentsangu, ukufumaneka beneentlobo ngeentlobo zeziyobisi, ukubiwa kwempahla zendlu kwanamatyala okubulala.
UColonel Priscilla Naidu wamapolisa, uncome nentsebenziswano ebiphakathi kwabahlali kwakunye namapolisa ngethuba likagqogqa kula mmandla. Imipu eye yabanjwa ibeyi 38, amacwecwe eCD ayi 294 kwakunye nesixa semali.
Ukanti kukwabanjwe nabantu abasela bezintyintyile kwanabo baxhaphazayo. Bonke aba bathe babanjwa sele bevelile ezinkundleni, abanye kusalindeleke ukuba bavele kungekudala.
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung