UMkomishinala wamaPolisa kwiPhondo leMpuma Koloni, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uthumele umyalezo kuluntu, wokuba amapolisa anciphisa ulwaphulo mthetho ekwabuyisela isidima sephondo.
Oku kulandela ukubanjwa kwabarhanelwa abathandathu, kuquka nommi wangaphandle, ngokuhlwa kwangoLwesihlanu, eGqeberha.
Ingxelo yamapolisa ithi bahlanu abarhanelwa abathe bathathwa, ze bahlatywa ngemibuzo, ngamalungu okulwa ulwaphulo mthetho aquka amaPolisa aseMotherwell, amalungu eqela leTactical Response, kunye nabecuphi.
Ingxelo iqhuba ithi, ngethuba kuqhuba uphando, amaPolisa afumene abarhanelwa ababandakanyeka kuqweqwediso lweloli, nasekugcinweni kweempahla ekukrokreleka ukuba zibiwe.
Ukanti amapolisa aqhubile nophando lwawo, nalapho ethe asingisa kwindawo ebekugcinwe kuyo le mpahla, nathe afumanisa ukuba yivenkile, enomnyango ophumela kwindawo yogcino mpahla. Athe amapolisa xa eqhuba ugqogqo, afumana ukutya, izixhobo zemoto entsha yohlobo lweIsuzu, kwanesanti.
Kubanjwe ummi wangaphandle eneempahla ekukrokreleka ukuba zibiwe. AmaPolisa adlulele eZwide, nalapho ethe afumana imoto yohlobo lweVW Golf emhlophe, neyathi yabiwa KwaZakhele kunyaka ophelileyo u2023.
Aba barhanelwa bathandathu, baphakathi kweminyaka ephakathi kwamashumi amabini anane (24), ukuya kumashumi amane anesibini (42), kwaye babekwe ityala lokuqweqwedisa iloli, ze umnini venkile wabekwa ityala lokuba neempahla ezibiweyo.
Ukanti baza kuvela phambi kwenkundla kaMantyi, eMotherwell, ngoMvulo umhla weshumi elinethoba.
ULieutenant General Mene, uwuqhwabele izandla umsebenzi oncomekayo wamaPolisa ekuphandeni aba barhanelwa, nabathe babanjwa, bavalelwa.
“Siza kuqinisekisa ukuba aba barhanelwa bayatshutshiswa ukuze kufumaneke ubulungiswa”, utshilo uLieutenant General Mene.
Ukuwa kwaMapolisa, kuvula indlela yeWSU All Blacks!