Kubanjwe abarhanelwa ababini kwabalishumi abaqhekeze eLibode

Kubanjwe abarhanelwa ababini kwabalishumi abaqhekeze eLibode. Umfanekiso: iHeart

Kubanjwe abarhanelwa ababini kwiiyure ezimbalwa emva kokuqhekezwa kweshishini ngentseni yangoMgqibelo, eLibode.

Ngokwengxelo yamapolisa ekhutshwe nguCaptain Welile Matyolo, ithi iqela lamadoda alishumi nabexhobile ambonzeleke kwishishini elikumbindi wedolophu yaseLibode ngeemoto ezimbini zohlobo lweveni, ngentseni yangoMgqibelo.

La madoda athe aqhekeza kweli shishini, nalapho athabathele kuwo iisefu ezimbini nebezinemali enkulu engachazwanga. Ukanti imoto yamapolisa ebijikeleza kule dolophu ithe yadibana neembila zithutha ngethuba idutyulwa ngaba barhanelwa, nalapho amapolisa amabini eye angxwelerheka, ze aleqiswa kwisibhedlele saseMthatha.

Emva kokuba sibikiwe esi senzo sokuxhomisa, amapolisa ecandelo leTactical Response Team athe asebenza ngokuzimisela ekhangela abarhanelwa kwesi senzo.

Kwiinkcukacha eziqokelelweyo, amapolisa ajolise imibombo eNtlaza nalapho enze ugqogqo kwindlu ethile, nekufunyenwe umpu neembumbulu, ze kwabanjwa indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38), ngokuba nompu okhabana neFirearms Control Act 60 of 2000.

Ngethuba esaqhuba nogqogqo amapolisa, akwafumene umpu wohlohlobo lwe9mm pistol kwaneembumbulu kumrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25), nothe kamva woyanyaniswa netyala lokuqhekeza eliphandwayo.

Uvulelwe ityala lokuqhekeza ishishini, ukuhlasela amapolisa, nelokuzama ukubulala. Uphando luyaqhuba, kwaye amapolisa asezithendeni zabarhanelwa.

Ukubanjwa kwabarhanelwa ababini emva nje kweeyure ezimbalwa beqhekezile, kubonakele njengeziphumo zomsebenzi oncomekayo wamaPolisa.

Esi sibini sabarhanelwa siza kuvela kwinkundla kamantyi eLibode namhlanje, uMvulo, umhla we25, nalapho beza kujongana namatyala ababekwe wona.