Amapolisa aseDikeni abambe abarhanelwa ababini abaminyaka ilishumi elinethoba (19) ukuya kumashumi amane anesihlanu (45) emva kwezityholo zokubandakanyeka ekuxhwilweni nasekubulaweni kukaKungawo Nyhweba (19) owafunyanwa kwindawo ebizwa ngokuba kuseBakhwetheni kwilokishi yaseJoza eMakhanda etshisiwe.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, le ntwazana uKungawo yaduka kwikhaya layo ngoLwesihlanu umhla we5 kweyeKhala 2024, yaze yabikwa emapoliseni ngoMvulo we8 kweyeKhala 2024 ukuze kuphandwe.
Kudizwa ukuba ngethuba kuphandwa, amapolisa afumene ulwazi lokuba uxhwilwe ngowayesakuba sisithandwa sakhe kunye nomhlobo wesi sithandwa.
UMawisa uthi uphando lokuqala olwenziwe ngamapolisa lukhokelele ekufumaneni umzimba kaKungawo ngoLwesithathu umhla we10 kweyeKhala 2024, kwindawo ekuthiwa kuseBakhwetheni kwilokishi yaseJoza, eMakhanda.
“Ngokweenkcukacha, abarhanelwa abane babandakanyeka ekuxhwilweni nasekubulaweni kukaKungawo, kwaye ababini kwabarhanelwa babanjwe ngoLwesithathu ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa kumakhaya abo eGolf Course, eDikeni. Amapolisa asalandela umkhondo wokubamba owayencuma nale ntwazana nomhlobo wakhe nanjengoko bengakafunyanwa,” utshilo uMawisa.
Amapolisa acela nabani na onolwazi olungakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa ukuba atsalele umcuphi uWarrant Officer Khuselwa Matshaya wesikhululo samapolisa aseDikeni ku082 388 9014 okanye 040 653 1252 okanye atsalele inombolo yeSAPS Crime Stop ku08600 10111.
UMkomishinala wamapolisa eMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene uncoma amapolisa ngempendulo yawo ekhawulezileyo ekuqinisekiseni ukubanjwa kwabarhanelwa nokuba umzimba kaKungawo uyafunyanwa.
“Siza kusebenza ngokuzimisela ukungenelela ekulweni ubundlobongela obusekelwe kwisini (GBV) kuluntu lwethu kwaye siqinisekise ukuba siya kulandela naluphi na ulwazi kwaye sigwebe abenzi bobubi,” utshilo uMene.
Esi sibini kulindeleke ukuba sivele kwiNkundla kaMantyi eDikeni kungekudala.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile