Ixesha leziyunguma lisandula ukuqalisa kwaye amapolisa sele ebambe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman kwiveki ephelileyo.
Oku kuza emva kwamaphulo aqhutywe phakathi komhla we2 kunye nowe7 kweyoMnga 2024 ngamapolisa.
Ngokwesithethi samapolisa uKapteni Marius McCarthy, abarhanelwa abangama48 kwabangama84 babanjelwa amatyala okubetha ngenxa yeziganeko ezinxulumene nobundlobongela emakhayeni.
UMkomishinala weSithili uMajor General Zolani Xawuka uthe, “Sibongoza abahlali ukuba basele utywala ngononophelo ingakumbi ngeli xesha lonyaka. Uninzi lwabarhanelwa ababanjelwe amatyala okubetha, benze loo matyala ngelixa benxilile.
“Ezi zizenzo zolwaphulomthetho ebezinokuphetshwa ngokulula ukuba abantu bebenokufunda ukuzibamba xa bephantsi kweempembelelo zotywala,” utshilo uMajor General Xawuka.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!