Ibutho longenelelo lwamapolisa (National Intervention Unit) libambe abarhanelwa abathathu abaphakathi kweminyaka engama 32 ukuya kuma 37, ngoLwesine malanga eGcuwa.
Aba barhanelwa babanjwe ngamapolisa emva kokuba ethe ahletyelwa ukuba aba barhanelwa balungiselela ukuyokuphanga eGcuwa.
Baye babanjwa kwiifetri zaseZithulele eGcuwa, bafunyenwe benemipu emibini, uhlobo lwePistoli ineembumbulu ezisixhenxe ngaphakathi.
Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha udize ukuba aba, babekwe ityala lokuba nompu ongekho mthethweni.
Le mipu kulindeleke ukuba iyokuhlolwa ijongwe ukuba ayikhange yonakalise na ngaphambili.
Esi sithathu kulindeleke ukuba sivele phambi kweenkundla zamatyala eGcuwa kungekudala.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro