Kubanjwe abathathu ngokubulala eKuyasa

EKAPA: Ngabafana abathathu ababanjiweyo emva kwesiganeko sokufunyanwa kwentwazana yaseKuyasa ihlatyiwe kude kufuphi nekhaya layo kula ngingqi.

Usapho lakwaMoyeni kwingingqi yoo-55 eKuyasa luthi lwafumana iindaba zokuba intombi yalo uNadia Moyeni oneminyaka elishumi elinesixhenxe ubudala, ilele esigangeni kude kufuphi nekhaya layo ezinzulwini zobusuku bangoMgqibelo.

Umalume wale ntwazana uMawethu Moyeni uthi wavuka waya kukroba kwindawo yexhwayelo nalapho wafika khona ethe tywaa umtshan’ akhe enegazi esifubeni engazinxibanga nezihlangu zakhe zexabiso.

Uthi wabona ukuba makamthathe amse esibhedlele ngesithuthi sakhe. “Safika eKhayelitsha District Hospital ndathi xa ndibuyaokwenza ifayile ndafika sekusithiwa uswelekile ufike esbhedlele sele engasaphili,” utshilo uMawethu.

Uninakazi wexhoba uNothemba Moyeni oneminyaka engamashumi amane ananye ubudala, umchaze umtshana wakhe njengomntwana obelungile kodwa ethanda ukonwaba nabahlobo bakhe ebusuku.

Nangona kunjalo uninalume uthi uNadia nobengumfundi webanga lesithoba kwisikolo samabanga aphakamileyo iManyano, uthi wagqityelwa ukumbona endlini ngezithuba zentsimbi yesibhozo ebusuku ecela imali, kodwa wabe engenayo.

Usomlomo wamapolisa aseHarare uKapteni Siyabulela Vukubi uthi ngabafana abathathu ababanjiweyo ngesi siganeko kwaye bazakujamelana nezityholo zokuphanga, ukudlwengula nokubulala.