Kubanjwe abemi bangaphandle ngezenzo zobuqhophololo!

KULINDELEKE ukuba bavele kwinkundla yamatyala eMetele abarhanelwa abane belizwe lasePakistan nesele ingabahlali beli loMzantsi Afrika nababanjelwe izenzo zobuqhophololo. 


Ngokwengxelo ephuma kuBrigadier Tembinkosi Kinana, abarhanelwa bathathe abantu abatsha abadinga imisebenzi kwidolophu yaseBhobhofolo (Beaufort West) kude kufuphi eNtshona Koloni bebathembisa ngomsebenzi oseRhafu. 


Amaxhoba athathwa ngemoto eBhobhofolo bengamaqela awohlukeneyo emva koko bayokugcinwa kwindlu ethile eRhafu.


Ingxelo iqhuba ithi emva koko bathathwa basiwa kumasipala wala mmandla ekubeni bayokwenza iziqinisekiso zokuhlala zeenyanga ezintathu kusithiwa mabavule amakhadi emali yemboleko (credit card).


Ingxelo ithi emva koko abarhanelwa baye bayikhupha le mali yabe iyiR1 700 000.00.


 Abarhanelwa baphakathi kwamashumi amabini anesine ukuya kumashumi amane anesine ngeminyaka yokuzalwa.


UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uLeuitenant Liziwe Ntshinga uncome iqela leForensic Task Team leebhanki ebeziphanda ngomsebenzi wazo okhawulezileyo nobemhle. 

Uthi oku kwakuthi kube ngumyalezo nakubanye abacinga ubuqhophololo kwanobuqhetseba.