Kubanjwe amadoda amahlanu ePort Alfred

Kubanjwe abarhanelwa abahlanu kwilokishi iNemato ngamapolisa asePort Alfred kwiiyure nje emva kokuba kuthe kwaqhekezwa indawo yokubhaka yasekuhlaleni engaseStation Hill kwakula mmandla.

Isithethi samapolisa uLieutenant Luvuyo Mjekula uthi, amapolisa aye afumana isixa semali esingachazwanga, imipu emibini, iilephutophu ezimbini, ifowuni kwakunye nemoto ekurhaneleka ukuba ibiwe.

Aba barhanelwa baphakathi kweminyaka engamashumi amabini ukuya kumashumi amathathu, kwaye baseluvalelweni lamapolisa.

Bazakuvela namhlanje enkundleni.