Kubanjwe amadoda amane kuTsolo ngezityholo zophango!

Kubanjwe abarhanelwa abane abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesithathu, ukuya kumashumi amahlanu anesihlanu ubudala (33 – 55), nalapho omnye wabo ethe wadutyulwa wabhubha ngethuba kutshintshiselwana ngerhuluwa namapolisa, ngoMvulo, kuTsolo.

Ukubanjwa kwaba barhanelwa kulandela ukusabela kwamapolisa ngethuba kuxhonyiswa imoto yemali kuN2, kufutshane nakwaDen, kuTsolo.

Ingxelo yamapolisa ithi, akuba egalelekile amapolisa ecandelo iTactical Response Team, neyaziwa ngeTRT ngamafutshane, afumene iinkcukacha zokuba abarhanelwa babalekele kwihlathi elikufutshane.

Ukanti amapolisa athe abamba umrhanelwa omnye, ngethuba abanye bebhunca ngemoto yabo. Imoto yohlobo lweNissan NP200, ithe yafunyanwa kamva ishiywe ngabarhanelwa, kwaye ineziqhushumbisi.

Emva kophando lwamapolisa, atyelele imizi ethile eSidwadweni, kuTsolo, nalapho athe afumana imipu emine engekho semthethweni, iimoto ezine zohlobo lweToyota Fortuner, Etios, Ford Eco Sport, kunye neHyundai Getz. Kukwafunyenwe iziqhushumbisi, ibhegi egcwele iimpahla, iikhatriji zompu eziyi161, kunye nemipu esixhenxe.

Ingxelo iqhuba ithi, ngethuba iqela leTRT lishiya le mizi, libone amadoda amabini akrokrisayo, nelithe lakuwaphanda lafumanisa eneziqhushumbisi, nathe abanjwa kamva. Ukanti esinye isibini samadoda akrokrisayo ebephethe umpu nebhegi, ebaleka ngeenyawo, nathe akuleqwa, aqalisa ukudubula amapolisa, nalapho amapolisa ethe aziphindezela, ze umrhanelwa omnye wabhubha, omnye wabanjwa.

Amapolisa kwaba barhanelwa afumene ibhegi enompu neembumbulu. Ukanti abanye abathandathu abarhanelwa kwesi siganeko basakhangelwa.

Aba barhanewa baza kujongana netyala lokuzama ukuphanga imoto yemali, ukuzama ukubulala, ukuba neemoto ekukrokreleka ukuba zibiwe, ukuba nemipu neembumbulu ngokungekho semthethweni, kwanokuhlasela amapolisa.

Abarhanelwa aba baza kuvela kwiNkundla kaMantyi kuTsolo kungekudala. Abacuphi abaphuma kwicandelo leeHawks baza kuthi bakhokele uphando lweli tyala.

Ukanti uMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene nabaphetheyo, baqhwabele izandla amapolisa ngokusabela ngokukhawuleza kwesi senzo, ukuze kwehle izinga lokuxhomisa kwiphondo.

“Amapolisa ahlala esebenza, kwaye ekwakulungele nokuthintela zonke izenzo zolwaphulo-mthetho ezibeka ukhuseleko loluntu emngciphekweni, ukanti aza kuqinisekisa ukuba abophuli-mthetho bajongana nengalo yomthetho,” utshilo uLt Gen Mene.