Kubanjwe amapolisa kwisehlo sophango

Amapolisa aseMonti abambe amapolisa amane kulandela isehlo sophango lwemali kwisakhiwo esishishina ngotywala eMonti.

Oku kuza emva kokuba la mapolisa ethe atyelela esi sakhiwo, esiseFleet Street eQuigney, kulandela ukuxelelwa ulwimi lokuba kuthengiswa utywala ngeli xesha lokuvalwa kweentshukumo zelizwe.

Ingxelo ithi la mapolisa afike agrogrisa umnini weli shishini ngelithi aza kumbamba, abe sele efuna isinyobo ukuba akafuni kubanjwa umrhanelwa.

Emva koku, ngomhla wamashumi amabini anesithoba kwinyanga ephelileyo kuye kwabikwa ukuba kwenzeke uphango kweli shishini, kwathathwa isixa semali esingachazwanga.

Kolu phango bekukho amadoda asibhozo, isithathu sinxibe iyunifomu yamapolisa.

Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa ephondo uBrigadiya Tembinkosi Kinana, ithi uphando luveza ukuba abaphangi bakwafune imali yesinyobo kumnini weshishini bekwathi baza kumbambela ukwehlisa imali ngomlenze.

Emva kophando, ngomhla wesithathu kule nyanga, ibutho lamapolisa elilwa ubuqhophololo lirhangqe la mapolisa lawabamba nalapho liye lafumana imali engangeR10 000 kwaneefowuni zabarhanelwa.

“Isebe lesipolisa ayisiyondawo yokudlalela okanye yokwenzela izimbo zolwaphulo mthetho. Ke ngoko ingalo yomthetho mayidlale indima yayo. Akukho nto izokuxolelwa. Amapolisa afunga efungela ukukhusela uluntu hayi ukulixhaphaza.” oko kudizwe nguMkomishinala uNjengele uLiziwe Ntshinga.

Abarhanelwa baphakathi kwamashumi amabini anesihlanu ukuya kumashumi amathathu anesihlanu ngokweminyaka yokuzalwa.

Bavelile ngoLwesibini kule veki phambi kwenkundla yamatyala eMonti abafumana bheyile, bejamelene namatyala amane, elokuphanga, urhwaphilizo, ukuxhwila kwanokutyeshela ingalo yomthetho. Ityala labo limiselwe namhlanje (Lwesine) apho baza kufaka isicelo sebheyile.

UKinana uthi kulindeleke ukuba kubanjwe abanye.