Kubanjwe ipolisa linxilile!

LIBANJIWE ipolisa elibhaqwe linxilile labe liqhuba nemoto ebhaliweyo yomsebenzi. 


Eli polisa libanjwe ngoLwesibini kule veki kuhola wendlela uN2 phakathi kwedolophu yaseNgqushwa kwakunye neQonce, kude kufuphi nesikhululo samapolisa saseTamarha.


Ingxelo ephuma kothethela iSebe lezoThutho kwakunye noKhuseleko ephondweni u-Unathi Binqose, ithi ipolisa libanjwe ngamagosa ezendlela emva kokuqaphela ukuba imoto ayizinzanga apha endleleni.


“Eli gosa belisuka kuMnyhadala wezobuGcisa kazwelonke kwisixeko saseMakhanda. Ekubanjweni kwakhe kuthathwe umpu womsebenzi ubukuye,”  utshilo uBinqose.

Uthi ukubanjwa kwakhe kuza emva kweeyure uMphathiswa weli Sebe uWeziwe Tikana ebenendibano namagosa ajongene noku apho ebekhalimela ukusetyenziswa gwenxa  kwanokuxhatshazwa kwezithuthi zikarhulumente.