Kubanjwe isikhephe sase Taiwan kumazantsi we Kapa

Amagosa
aselwandle kwisebe lezolimo ulobo namahlathi kweli abambe athimba isikhephe
selizwe lase Taiwan iChin Jen Wen emva kokuba esisikhephe sibhaqwe siloba
kwindawo ebekelwe bucala lisebe lezolobo kweli.Othethe egameni lelasebe
kuzwelonke uBomikazi Molapo uthi esi sikhephe sirhewulwe sizenzela kwintlanzi
zoMzantsi Afrika kunxweme lase Mossel Bay.”Emva kokuba sibhaqiwe esisikhephe
abaqhubi baso bayalelwe ukuba baye kumisa kunxweme lase Kapa,kodwa abakhange
bavume ukusebenzisana de sabiza amapolisa songeza noncedo sibanyanzela ukuba
bathobele umthetho,”utshilo uMolapo.

 Esi
sikhephe siyalelwe ukuba senze oku emva kokuba kufunyaniswe ukuba asinazo
incwadi ezisemthethweni zokuloba kumanzi oMzantsi Afrika emva kokuleqwa
ngesikhephe iVictoria Mxenge kufutshane nase Overberg yase Kapa. Esi sikhephe
sibanjwa ngokophula umthetho iMarine Living Resource Act, umphathiswa wesebe
lezolobo ulimo namahlathi kweli uSenzeni Zokwana uzimisele ukulwa ngazo zonke
indlela nabo bathi balobe ngoku ngekho mthethweni kwilwandle zo Mzantsi
Afrika,itsho ingxelo.Ekuqaleni kwalonyaka elasebe libamba isikhephe sase China
emva kokuba sabhaqwa sizenzela kwintlanzi zoMzantsi Afrika.