Kubanjwe isithathu ngokuphanga ivenkile yenyama eDutywa

Amapolisa aseDutywa abambe abarhanelwa
abathathu kuMgqibelo esisuka kuwo kwivenkile ethengisa inyama. Ngokwengxelo yamapolisa,
esisithathu sizenze abantu abathengayo beme kumgca oyokubhatala. Bathe bakufika
kumatshini wokubhatala bakhupha iimela bathatha isixa se
mali esingachazwanga kumthengisi lowo. 

Amapolisa aye abikelwa afika ngokukhawuleza kule
venkile asibamba isithathu sabarhanelwa nabaphakathi kweminyaka 18, 22 kwakunye
no 24. Umrhanelwa wesine obengaphandle ngelithuba ubaleke nemali leyo iphangwe
ngogxa bakhe.

Oku kwenzeke phambi kwentsimbi yesithathu emva
kwemini kumbindi wedolophu. Bazakuvela kungekudala phambi kwenkundla zamatyala
eDutywa. Amapolisa akwiphulo lokufumana umrhanelwa lowo wesine oduke nemali
.