Kubanjwe isithoba kuqhankqalazo lweeteksi

Kuqhume uthuli lajika ilanga ngoLwesihlanu kwiidolophu eziphambili zeMpuma Koloni eziquka iMonti ukusukela ngentseni ngenxa yoqhankqalazo labakushishino lweeteksi.

Aba baqhube uqhankqalazo phantsi kombutho iSantaco bekhalazela iimeko abasebenza phantsi kwazo kushishino leteksi.

Unobhala wephondo leMpuma Koloni kumbutho weSantaco, uSiyanda Mbanjwa uthi kudala bevakalisa iingxaki zabo kurhulumente.

“Ingxaki yethu yokuqala ziimpephamvume zokusebenza, sifake izicelo ukusukela ngonyaka ka2014, kodwa sisalinde kwada kwangoku aziphumi kurhulumente,” uthethe watsho uMbanjwa.

Lo mbutho uthi, enye yeengxaki zabo yindlela engaxolisiyo abaphathwa ngayo ngamagosa endlela. “Ngalo msebenzi sondla iintsana zethu, sakhe imizi, siphila ngayo le nto sicela intsebenziswano kurhulumente,” ucacise watsho uMbanjwa.

Iindlela nezitalato eziphambili eMonti eziquka iOxford zibesengxakini, kuvutha umlilo, abanikazi beteksi bethintela ezinye izithuthi ukuba zihambe. “Asingomnqweno wethu ukuba kuphazamiseke intlalo yabantu, kwaye asikuxhasi ukubethwa nokutshiswa kwezinto zabantu,” uthethe watsho uMbanjwa.

Ukanti inkulumbuso yephondo yamnkele umqulu wezikhalazo ubusuka kulo mbutho. “Zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe, sizakuba sisebenza kwezi zikhalazo zabo kuba sifuna ukusebenza nabo nathi, badlala indima ephakamileyo,”uhambise watsho uMasualle.

Ingxelo ithi umthetho olawula ezothutho kweli unyanzelisa ukuba izicelo zokuqhuba ziphume kungaphelanga iinyanga ezimbini.

”Siyawuhlonipha umsebenzi eniwenzayo kuba nidale amathuba emisebenzi kubantu abangaphangeliyo, ngoko masisebenzisane ukuze sifumane isisombululo,” ucacise watsho uMasualle.

Ukanti amapolisa eMpuma Koloni azigxekile iziganeko zoqhankqalazo nangona esithi ayalihlonipha ilungelo labanikazi beeteksi lokuqhankqalaza. Othethe egameni lamapolisa eMpuma Koloni uKapteni Khaya Tonjeni uthi akhona amadoda abanjiweyo ngenxa yesi siganeko.

“Ngamadoda alithoba athe abanjwa eMonti ngenxa yokuthatha inxaxheba kolu qhankqalazo, kwaza kwavalelwa iinqwelo mafutha ezintlanu eMonti,” ucacise watsho uTonjeni.

siyabulela.mqikela@inl.co.za