Kubanjwe isixhenxe sabarhanelwa kwilali yaseNgonyameni, eMount Ayliff, malunga nokutshiswa kubulawe amakhosikazi amabini azalwa kunye kuba etyholwa ngentakatho.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ephondo, uKapteni Khaya Tonjeni, abarhanelwa basetyhini abathathu baphakathi kwamashumi amabini anesithathu ubudala ukuya kumashumi amabini anesithandathu, kwakunye namadoda amane aphakathi kweshumi elinesixhenxe ukuya kumashumi amabini anesithandathu.
Esi sixhenxe sibekwe ityala lokutshisa umzi kwakunye nokubulala.
Kulindeleke ukuba bavele phambi kweenkundla zamatyala eMount Ayliff ingaphelanga le veki.
Kula makhosikazi mabini abuleweyo omnye unamashumi amane anesibhozo ubudala, ze omnye abenamashumi amahlanu anesibini.
Esi sibini sihlaselwe ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo liqela labahlali kwikhaya labo eNgonyameni. Isixhenxe kwabo bahlali sibanjwe ngoMvulo.
UTonjeni uthi ababini abaneminyaka elishumi elinesixhenxe bakugcino looNontlalo-Ntle nanjengoko besengaphantsi ngokweminyaka ukuba bangabanjwa.
UMajor Andre Swart uqhwabele izandla iqela labacuphi elithe lababamba ngokukhawuleza abarhanelwa.
USwart uthe bazakwakha intsebenziswano kwakunye namanye amasebe eMpuma Koloni; kubanjwe amaphulo okuxhobisa uluntu ezilalini ngezenzo zokubulawa kwabantu ngelithi bayathakatha.
INkulumbuso yeMpuma Koloni, uPhumulo Masualle, ethetha kuTsomo kwinyanga ephelileyo wakukhalimela ukubulawa kwamakhosikazi, ingakumbi lawo sele egugile ngokweminyaka, kuba etyholwa ngobugqwirha.
USodolophu woMasipala weSithili iAlfred Nzo, uSixolile Mehlomakhulu, umemelele inzolo ekwathi simothusile isehlo sokubulawa kwala makhosikazi mabini atyholwa ngobugqwirha.
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?