Yititshalakazi enamashumi amane anesithathu (43) ubudala enkolonkoloza eziseleni eMthatha, emva kokuba ithe yabanjwa ekuseni ngeCawa yempela veki esisuka kuyo, ebanjwa kwikhaya lakhe kwilali iBisho, eBalasi, eLibode.
Le titshalakazi, ibanjwa kuba ibandakanyeka kwizityholo zokubhaqwa komtshana wayo ongumfana (28), ebhubhile kwaye enenxeba lokudutyulwa entloko. Umtshana wafunyanwa ngomhla we17 kwinyanga ephelileyo uJulayi, eJoe Slovo Park, eMthatha. Ityala lavulwa kwisikhululo iMthatha Central.
Ngokwengxelo kaCaptain Welile Matyolo, ithi, kuphando oluye lwenziwa ngabecuphi betyala likhokelele ekubanjweni kwabafana ababini omnye unama23, logama omnye ena28 ngokweminyaka, ababedubula nabaye baveza ukuba nabo babethunyiwe ngulo titshalakazi.
Ingxelo iqhuba ithi umyeni walo titshalakazi wabulawa ngo2022 kwaye uphando ngesi sehlo belusaqhuba nalo. Isizathu malunga nokubulawa komyeni kwakunye nomtshana kukuba efuna ukwenza ibango lemali yeinshorensi.
Le titshalakazi kwakunye naba bafana babini, baseziseleni nalapho belindele usuku lwabo lokuvela phambi koMantyi waseMthatha ingaphelanga le veki.
Umpu wohlobo lweZ88 9mm nowawuchazwe njengobiweyo kwisikhululo samaPolisa eMadeira, eMthatha, nawo uye wabhaqwa.
UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Phumzile Cetyana, uqhwabele izandla oogxa bakhe ekwabakhuthaza ukuba bangashiyi nanye ngasemva malunga neli tyala.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo