Kubanjwe omnye umrhanelwa ngezityholo zokubulala

Kubanjwe owesibini umrhanelwa ngamapolisa aseBhayi obandakanyeka ekubulaweni kwentwazana eneshumi elinesibini (12), owabulawa kwindawo edume ngokugqugqisa koonqevu eBethelsdorp kwinyanga ephelileyo.

Le ntwazana yadutyulwa ngomhla wesixhenxe kwinyanga ephelileyo phambi koyise wakhe kwikhaya labo. Utata wentwazana wasinda kodwa wonzakala ngokumandla, lo gama yena umama womntwana wabaleka wasinda neyayinguyena wayefunwa zezi zikrelemnqa ngokwengxelo yamapolisa.

Isithethi samapolisa aseBhayi uColonel Pricilla Naidu udize ukuba lo mfana unama-21, ubanjwe kuLwesihlanu odlulileyo kwisitalato iStuurman eBhayi.

Umrhanelwa uzakuvela ezinkundleni kungekudala, usashiyeke ngaphakathi eziseleni.