Kubanjwe ona22 ngokubhubha kona11

AMAPOLISA abambe indoda enama22 eminyaka ubudala emva kokuba kubhaqwe umzimba wentwazana eneminyaka eli-11 ubudala iswelekile ekhayeni layo elikwaKaplani eMthatha.

Kutyholwa ukuba le ntwazana ibhubhileyo ibisekhaya ilungiselela ukuya esikolweni ngethuba umama wayo ebesele emkile ukuya emsebenzini.

Kuthiwa umama wale ntwazana ufumene umnxeba uvela kulo mntwana wakhe emxelela ukuba kukho umntu ozama ukutyhala ucango.

“Umama utsalele ummelwane nokwasisizalwane sakhe ukuba ayokukroba. Indoda eyaziwayo ibonwe iphuma kule ndlu. Uye wahlohlwa ngemibuzo kodwa wathi befuna umama wale ntwazana,” kubalisa uBrigadier Tembinkosi Kinana wamapolisa.

UKinana uthi ummelwane ungene kule ndlu waze wafumana le ntwazana inenxeba lokuhlatywa kumzimba ongentla.

Amapolisa aye abikelwa aze anqakula umrhanelwa kwakule ndawo.

Umrhanelwa kuthiwa ukwasisizalwana sexhoba.

Abahlali kuthiwa nabo bakhe bazikhelela kumrhanelwa.

Kuphandwa ityala lokubulala nelokudlwengula, kwaye umrhanelwa kulindeleke avele enkundleni kungekudala.

UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, uNomthetheleli Mene ukwamkelwe ukubanjwa komrhanelwa, kodwa wagxeka izenzo zabahlali zokuthathela umthetho ezandleni.