KUBANJWE owasetyhini obesakuba ngunogada kwivenkile
yakwaRhino Cash and Carry eMbizana. UMandisa Yothana (35) ngumrhanelwa
wesithathu obanjwe ngokoyamene nophando lwamapolisa kuphango olwenzeke kweli
shishini ebutsheni bale nyanga.
Oluphango lwashiya isine sibhubhile, emva kongquzulwano,
oonqevu ababephanga eli shishini behlasela oonogada bakwaRhino Cash and carry. Kwesosine
ngoonogada bale venkile ababini, ngelixa esinye isibini ingoonqevu.
Othethela ibutho looKhetshe eMpuma Koloni uKhapteni
Anelisa Feni uthi, uYothana ngumrhanelwa wesithathu obanjwe ngokoyamene nesiganeko.
Kulindeleke ukuba avele enkundleni ngomso ekunye nabarhanelwa ababini asele
beseluvalelweni. Ababarhanelwa bemka nesixa semali esibalelwa kuR90 000.
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?