Kubanjwe owasetyhini emva kokufunyanwa eneziyobisi

Amagosa eNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika (SARS), athintele owasetyhini obevela kwelase Sao Paolo eBrazil, nobephethe isiyobisi sohlobo lwe-cocaine ebunzima buziikhilogram ezisixhenxe, nexabisa i-2.1 yezigidi zeerandi, kwisikhululo seenqwelo-moya samazwe ngamazwe i-O.R. Tambo.

“Le nkosikazi iye yamiswa ukuze kwenziwe uhlolo lwesiqhelo, iibhegi zakhe ezimbini ziye zagqogwa. Kulapho kwenye yezo tasi kubhaqwe ipokotho enomgubo omhlophe ekufumaniseke ukuba yi-cocaine,” batshilo abakwa-SARS kwingxelo yabo.

Le nkosikazi kunye nesiyobisi eso banikezelwe kwiNkonzo yesiPolisa yeli (SAPS) ukuze kuqhutywe uphando oluphangeleleyo.