Kubanjwe owasetyhini nenkitha yeziyobisi

Kubanjwe owasetyhini onamashumi amane anesibhozo waseRhini emveni kokufunyanwa eneziyobisi ezixabisa imali engangesiqingatha sesigidi seerandi (R500 000).

Isithethi samapolisa aseRhini uKapteni Mali Govender uthi, lo wasethyini ubanjwe xa amapolisa ebemisa ibhasi, esenza ugqogqo kwindlela uN2 esuka ePitoli ijonge eBhayi.

Owasetyhini uye wafunyanwa eneziyobisi, iipilisi neziluhlobo lweMandrax, kwaye kulindeleke ukuba avele kwiinkundla zamatyala eRhini kungekudala netyala ajongene nalo.