Ukusabela ngokukhawuleza kwamaPolisa eGqeberha kubangele ukuba kubanjwe umrhanelwa, ngelixa omnye eye wadutyulwa wabhubha emva kokuba abarhanelwa beye bagqugqisa besaphula umthetho kwindawo yaKwaZakhele.
Iinkcukacha kwindawo yexhwayelo zibonisa ukuba aba barhanelwa bebephanga kwaye beqweqwedisa iimoto kwaZakhele ngoLwesithathu kule veki.
Ingxelo yamapolisa ekhutshwe nguLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, ithi phambi kwentsimbi yesine emalanga ngoLwesithathu, abarhanelwa abathathu nebebexhobile bangene kwikliniki ekwisitalato iNkewana, KwaZakhele, banyanzela unogada ukuba angene eofisini, ze bagrogrisa abasebenzi.
Amaxhoba athathelwe iimpahla zabo eziquka iifowuni, ze kwathathwa nenye imoto yomsebenzi iRenault Tiber, ze babaleka kwindawo yexhwayelo.
Kungekudala emva koko baye babandakanyeka kwizigigaba ezibini apho baye baqweqwedisa ezinye iimoto KwaZakhele. Aba barhanelwa emva koko bashiye ngasemva iimoto ezimbini abaziqweqwedileyo (iRenault kunye neVW Tiguan) ze bahamba ngeToyota Hilux abayiqweqwedise kamva KwaZakhele.
Amalungu amapolisa eFlying Squad eGqeberha, afumene iinkcukacha zokuba akhangele imoto yohlobo lweToyota Hilux eqweqwedisiweyo.
La mapolisa nebekule ndawo exakekile ekhangela esi sithuthi kwisitalato iBooi, KwaZakhele, aye aqaphela uhlobo lwemoto efana naleyo afumene iinkcukacha zayo, nathe asiqaphele eso sithuthi. Amapolisa athabathe amanyathelo ngoko nangoko ze kwikona yesitalato iBooi neSpondo abarhanelwa batsiba kwisithuthi babaleka.
Umqhubi wesi sithuthi siqweqwedisiweyo, uye wabanjwa ngokukhawuleza emva kokuba etsibe ephuma kwimoto, baze abanye abarhanelwa ababini babaleka besiya kumacala ahlukeneyo. Omnye umrhanelwa nobephethe umpu esandleni ebaleka ukubanjwa, uye wakhomba amapolisa ngompu, nathe aziphindezela amdubula ambulala. Ukanti umrhanelwa wesithathu yena ukwazile ukubalekela kwiyadi yesibhedlele iDora Nginza, kwaye akafunyanwa.
Zonke izithuthi kunye neempahla zifunyenwe, ukanti amapolisa akwafumene umpu kunye neefowuni zamaxhoba, kuquka nezitshixo zemoto iVW Tiguan ebiqweqwedisiwe.
Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane (40), ubanjiwe, ze wabekwa amatyala, elokuxhomisa ishishini, amatyala amabini okuqweqwedisa, elokukhomba ngompu, nelokuba nompu ongekho semthethweni kuquka neembumbulu.
Umrhanelwa uza kuvela kwinkundla kamantyi yaseNew Brighton kungekudala.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika