Kubanjwe umrhanelwa wesixhenxe ekubulaweni kuka-AKA

UKiernan ‘AKA’ Forbes.

Kubanjwe umntu wesixhenxe obandakanyeka ekubulaweni kukaKiernan ‘AKA’ Forbes kunye nomhlobo wakhe uTebello ‘Tibz’ Motsoane, amapolisa adize namhlanje ngoLwesithathu.

Isithethi samapolisa aKwaZulu-Natal uColonel Robert Netshiunda uthi umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu (30) ubanjwe ngentseni yangoLwesithathu.

“Oku kubanjwa konyusa inani labarhanelwa ababanjelwe ukubulala liye kutsho kwisixhenxe,” utshilo uNetshiunda.

Oku kuza ngaphantsi kweeyure ezingamashumi amabini anesine (24) emva kokuba amapolisa ebhengeze ukuba abantu abathandathu batyholwa ngokubulala uAKA noTibz kunyaka ophelileyo u2023 ngenyanga yoMdumba, kwisehlo esenzeka ngaphandle kwendawo yokutyela edumileyo eDurban.

Umrepha ongasekhoyo uAKA kunye nomhlobo wakhe, uTibz owayengumpheki.

Abarhanelwa ababini, ababanjwe eSwatini ngempelaveki, basaza kubuyiselwa kweli loMzantsi Afrika.

Abarhanelwa abahlanu kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi yaseDurban ngoLwesine. Abarhanelwa kukholelwa ukuba bangaphantsi kweminyaka engamashumi amathathu anesithandathu.

NgoLwesibini ebusuku, amapolisa adize ukuba abarhanelwa bokuqala abathandathu ababanjiweyo baquka umnxibelelanisi, abadubuli, umntu obejonga zonke iintshukumo kunye nomntu oqeshe isithuthi kunye nemipu.