Kule mpelaveki iphelileyo, amapolisa abambe umrhanelwa wokugqibela obefunwa ngokubandakanyeka kwakhe kwisiganeko sokugetyengwa kwabantu eLusikisiki ngethuba ekhwele ibhasi eQonce esingise eKapa.
Oku kubanjwa kuza emva kophando lwamapolisa olukhokelele kumalungu akwicandelo lophando lolwaphulomthetho olunobundlobongela ephondweni abambe umrhanelwa ngeCawe, umhla wesihlanu kweyoMqungu 2025 malunga nentsimbi yesine emva kwemini.
Amapolisa avalele ibhasi kwisikhululo seebhasi eQonce ebisingise eKapa, utshilo osisithethi samapolisa uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa.
UMawisa uthe ngethuba begqogqa ibhasi, bafumene indoda eneminyaka engama20 ubudala ekuphela kwayo umrhanelwa ongekabanjwa norhanelwa ukuba uyabandakanyeka kwisiganeko sokugetyengwa kwabantu eLusikisiki.
Wabanjwa ngoko nangoko kwaye uya kubekwa ityala ngokufanelekileyo.
Uza kuvela kwiNkundla kaMantyi eLusikisiki kungekudala.
UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene ukwamkele ukubanjwa komrhanelwa. Ubulele uluntu ngokwabelana ngolwazi olubalulekileyo olukhokelele ekubanjweni kwabo bonke abarhanelwa ababandakanyekayo kwesi sehlo.
“Ndilincomile eli qela kwaye ndiliqhwabele izandla ngokusebenza ngokungadinwayo liqinisekisa ukuba abo bathe babulala abantu baseLusikisiki bajongana nengalo yomthetho,” utshilo uLieutenant General Mene.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!