Kubethana izimvo ngeNdlambe FM

Izimvo ziyabethana kubahlali basePort Alfred malunga nonomathotholo wasekuhlaleni kule ndawo iNdlambe FM.

Aba bahlali bavakalise ukuba inokuvalwa ingaphinde ivulwe kuba ayibakhathalele njengabaphulaphuli bayo, nanjengoba ikwazi ukungafumaneki ixesha elide.

INdlambe FM nebisaziwa ngenjeKowie FM itshintshe igama kunyaka ophelileyo nto leyo ekhokele ekutshintshweni kwendawo ebisasazela kuyo.

Lo nomathotholo ngaphambili ubusasazela eHeritage Mall, yaze yatshintsha kunyaka ophelileyo yayosasazela eRosehill Mall, kungokunje iNdlambe FM ayisafumaneki kule ndawo nanjengoko befudukele kwiholo yoluntu iTiti Jonas kwaDuza kwalapha ePort Alfred.

Omnye wabahlali ongavunyangwa kuchazwa uthe: “Andisenalo nexesha layo mna kuba iyasiphoxa kakhulu.”

Kodwa uNwabisa Faliteni akaboni njalo. “Ndonwabe kakhulu ndakuva ukuba iyafumaneka kwakhona,” utsho uFaliteni.

INdlambe yeyethu thina bahlali balapha, kwaye ndivuyela nale nto ize kuthi elokishini yaphuma edolophini, utshilo.

Isithethi saseNdlambe FM uDodo Shuping ebuzwa malunga nokungahlali ndaweninye kwabo uthe, bebejongene neengxaki zemali nanjengoko bekufuneka bebhatele imali yerenti.

“ITiti Jonas le sikuyo ngoku noko irenti yakhona iyafikeleleka, kwaye asizimiselanga ukuphinda sisuke kuyo, sizinzile kula ndawo,” utsho uShuping.