Kubethwe imoto yamapolisa, kwabanjwa isibini kuqhankqalazo olungeenkozo zikarhulumente

Abahlali baseDumsi beqhankqalazela iinkonzo ngaphandle komasipala wakuNtabankulu ngoMvulo. Umfanekiso: Umbhali Wethu

SIVELE kancinane  enkundleni kamantyi isibini esibanjwe kuqhankqalazo lwaseDumsi kuNtabankulu ze sakhululwa ngesilumkiso ngoMvulo.

Esi sibini besijongene nezityholo zokwenza ubundlobongela esidlangalaleni kunye nokonalalisa emva kokuba kubethwe imoto yamapolisa yophuka ifestile nomphambili.

La madoda ebeyi nxalenye yabahlali abaqhankqalazela iinkonzo zikarhulumente ezinqongopheleyo kula lali. Ziquka ukungabikho kweholo loluntu, isikolo soonomngqushwana (pre-school) nokungabikho kombane namanzi.

Minyaka le, aba bahlali bathenjiswa ukuba baza kuxhamla kwisixa-mali sikamasipala wasekuhlaleni iNtabankulu, kodwa  akukabikho nto icacileyo kususela kulonyulo lokuqala lukarhulumente wesininzi. 

Emva kokuvala indlela impela veki yonke, bathe baphathelela ukuya kwamasipala nalapho kulindeleke ukuba bafumane iimpendulo kusodolophu uVusumzi Mgoduka, nabafike engekho kwathenjiswa ukuba uza kubatyelela kwilali yabo.

Omnye wabahlali uAyanda Nontswabu uthe: “Size apha kuba sifuna ukucaciselwa ngenkqubela phambili ngeenkonzo zethu esingade sizifumane. Asinayo nenye into kwinkonzo ezisisiseko kwaye oko sasilindele umbane neholo kudala sithenjiswa ngusodolophu kungenzeki nto. Sizo kusabela kengoku ukuba kumanxa endawoni nezicwangciso zakhe, kwaye luqala nini uphuhliso eDumsi. Eyokonakalisa ibe lilishwa, ibinge zonjongo zethu kuba into yesininzi iyathanda ukuphuma nodlolwazana.”

Umhlali wesibini uMthobeli Madolo, uthe  “Yenzekile impazamo yokonakaliswa kwemoto , ibinge zonjongo zethu njengabahlali kwaye siyazisola, sinethemba lokuba noko nabo babanjiweyo bangaxolelwa. Thina into esiyifunayo zimpendulo ezicacileyo zokuba sizifumana nini iinkonzo kule lali kuba kudala silinde ngomonde.”

Othethele umasipala uLixolile Petele, uthe ingxaki ngumbane, isesi sankxwe kuNtabankulu kodwa umasipala uyaqhuba nephulo lokuwufaka kwaye ilali yaseDumsi izakuxhamla kwisikhululo sokuphehla umbane esikhiwayo nekulindeleke sigqitywe ekupheleni kwalo nyaka. Uthe zonke ezinye iinkonzo ziza kucwangciswa ze zilandele ufakelo-mbane kuba lo masipala ujonge ukuqinisekisa ukuba zonke iilali zawo ziyalayita.

Othethele amapolisa uKhapteni Mlungisi Matidane uthe: “Amagosa ebeye kugcina ucwangco xa edibana nokugityiselwa ngamatye kophuka isithuthi ebehamba ngaso. Babanjiwe ke abantu kuba sifuna icace eluntwini ukuba ubundlobongela asibamkeli nakuyiphi na imeko.”

Olu qhankqalazo luqale ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Kugrunjwe indlela, kwavalwa nangamatye.