Kubethwe othandana nabesini sakhe eGcuwa

“Yohlukana nokuthandana namanye amadoda, kuba uyindoda into oyiyo.”

La ngamazwi athethwe ngumfana ohlasele umfundi weYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) eGcuwa ngempelaveki.

Lo mfundi, nowenza unyaka wesithathu kwikhampasi yaseWSU eseBika, ebehleli nabahlobo bakhe kwindawo yolonwabo eGcuwa ngethuba efumana okukuhlaselwa.

“Bendizonwabele nabahlobo bam. Ekonwabeni kwethu ndiye ndabona omnye umhlobo wam oyintombazana, ndayokuncokola naye. Kusenjalo, kuvele kwathi gqi lo mfana wandibetha ngendindi ebusweni endibuza ukuba ndakuyeka nini ukuthandana namanye amadoda.

“Intliziyo yam ivele yabuhlungu kuba ibindothusile into yokubethwa ngenxa yokuba ndithandana namanye amadoda,” utshilo lo mfundi.

Lo mfundi uthi akakhange athabathe manyathelo ngokuthi avule ityala emapoliseni kuba ibisisehlo sokuqala esi ukumohlela eGcuwa nanjengoko engengowalapha ngokuzalwa.

“Andizange ndafumana kucalucalulwa eGcuwa kule minyaka mithathu ndifunda eWSU,” utshilo lo mfundi.

Obesakuba ngumququzeleli kumbutho i-Eastern Cape Lesbian Gay Bisexual Transgender Intersex Organisation uAbongile Matyila uthi iseninzi imfundiso efanele yenziwe ukukhuthaza abantu ukuba bakwazi ukunyamezelana.

“Abantu mabaqhele ukunyamezelana kuba umntu sokuze umtshintshe ngendlela ephila ngayo ubomi bakhe. Ngokomgaqo-siseko wonke umntu unelungelo lokuphila ubomi bakhe ngale ndlela afuna ukuphila ngayo,” utshilo uMatyila.